UMzantsi Afrika uchithe ngaphezulu kweR7 billion etywaleni ngexesha leziyunguma. Umfanekiso: Henrik Sorensen
Abemi boMzantsi Afrika bachithe imali engaphaya kweebhiliyoni ezisixhenxe zeerandi (R7.7 billion) etywaleni phakathi kosuku lweKrisimesi (25 kweyoMnga 2024) ukuya kuNyaka oMtsha (1 kweyoMqungu 2025), ngokutsho kukaSekela Mphathiswa woPhuhliso loLuntu uGanief Hendricks.
UMphathiswa uHendricks ebenikezela ngengxelo yonyaka ka2023/2024 yeCentral Drug Authority Annual Report kwikomiti yepotfoliyo yophuhliso lwentlalo ngoLwesithathu wale veki.
“Ngokophando luka2014 olupapashwe kwiSouth African Medical Journal, iindleko zonyaka zokusetyenziswa kakubi kotywala kweli lizwe – kuquka ukungabikho emsebenzini, ukuncitshiswa komsebenzi owenziweyo, iindleko zezempilo nentlalontle, kunye nolwaphulomthetho olunxulumene notywala – lunokufikelela kwi10% yeGDP, okanye ngaphezulu kweebhiliyoni ezingamashumi amathathu eerandi (R37.9 billion), ngonyaka," utshilo uHendricks.
USekela Mphathiswa uthe uMzantsi Afrika, njengamanye amazwe, uchaphazeleke kakubi kukusetyenziswa kweziyobisi, utywala ngobona busetyenziswa kakhulu kweli lizwe. “Ndiyavuya ukuchaza ukuba iKhabhinethi iwamkele umgaqo-nkqubo wothintelo nonyango lweziyobisi, iPrevention and Treatment for Substance Use Disorder Policy,” utshilo.
Ucacise ukuba lo mgaqo-nkqubo ujolise ekunciphiseni ingxaki yokusetyenziswa kweziyobisi kweli lizwe kwaye uza kuvumela eli candelo ukuba liphonononge imithetho yakudala ekhoyo ngoku kwaye lijongane nezinto ezintsha eziqhubekayo.
UHendricks ukwathe isebe liqalile inkqubo yokuseka ikomiti yabaphathiswa ukulwa nengxaki yokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi.