Owasetyhini otyholwa ngokuthengisa unyana wakhe oneminyaka emibini ubudala wafumana iR75 000 kwiakhawunti yakhe yebhanki kwangolo suku waxela emapoliseni ukuba umntwana uxhwiliwe.
Umama womntwana, uKeneilwe Shalaba, okhulelwe amawele nanjengoko etyhola, uvelile ngoLwesithathu kwinkundla kamantyi eVanderbijlpark ngelokufaka isicelo sebheyile. Ujongene nezityholo zokuthubelezisa abantu, iyelenqe lokwaphula umthetho, kunye nokwenza ingxelo yobuxoki emapoliseni.
UShalaba wabanjwa kunyaka ophelileyo kweyeNkanga. Ukubanjwa kwakhe kulandela ukuxela kwakhe emapoliseni ukuba umntwana wakhe uKutlwano Shalaba uxhwilwe ngamadoda angaziwayo ebeqhuba iVW Polo.
Ubange emapoliseni ukuba umntwana wakhe uxhwilwe embeleke emqolo kwaye amadoda abamxhwila abaleka ngemoto. Wabanjwa emva kweentsuku emva kokuba ewuchaze emapoliseni lo mba.
Ipolisa eliphanda eli tyala, uSajini George Motloung, uthi uShalaba wavuma ukuba imali yafakwa kwiakhawunti yakhe. UMotloung uthe bakwazile ukufumana ingxelo yakhe yebhanki.
“Siyayazi ukuba yimalini eyafakwa kwangolo suku wayetyhola ngalo ukuba umntwana waxhwilwa. Kwafakwa iR75 000 kwiakhawunti yakhe kwangolo suku wayevule ngalo ityala lokuxhwila,” utshilo uMotloung.
Ecela ibheyile, uShalaba ngaphambili waxelela inkundla ukuba uneenyanga ezilithoba ekhulelwe amawele kwaye iimeko zasentolongweni aziyilungelanga impilo yakhe.
Ngelixa uMotloung esithi uShalaba makangayinikwa ibheyile kuba uyingozi kubantwana bakhe. “Ukuba unikwe ibheyile, kusenokwenzeka ukuba abantwana abathweleyo bahlelwe yinto efana nale yomntwana oneminyaka emibini,” utshilo uMotloung enkundleni.
Isicelo sebheyile sisaxoxwa enkundleni kwaye umbuso uyasikhaba esi sicelo.