Iimveliso ezibiweyo zeNestle ezifunyenweyo. Umfanekiso: SAPS
Icandelo lamapolisa iK9 eKapa lifumene malunga nesigidi seerandi (R1 million) zeemveliso zeNestle ezibiweyo ze labamba umrhanelwa oyindoda (32).
Ingxelo yesithethi samapolisa uAnelisiwe Manyana ithi ngoLwesibini wale veki, iloli ebithwele imveliso yakwaNestle iye yaqweqwediswa phambi kwentsimbi yesithandathu kusasa kwindlela iDuinefontein, eManenberg.
UManyana uthi inkampani yezokhuseleko enoxanduva lokulandla umkhondo yale loli yazisa amapolisa ecandelo leK9 emva kokuba iye yaqweqwediswa le loli.
“La malungu axelelwe yinkampani yezokhuseleko elandela umkhondo ukuba kwalandelwa umkhondo weloli yabonwa kwidilesi eseMymoena Crescent, eAthlone.
“Amalungu athathe amanyathelo ngokukhawuleza ngolwazi alufumeneyo. La malungu abone isithuthi ebesibuyela kule dilesi ikhankanyiweyo,” utshilo uManyana.
Amapolisa aleqa isithuthi kwaye umqhubi wesithuthi wabanjwa njengoko ividiyo yeCCTV iveze isithuthi somrhanelwa esothula iimpahla ezibiweyo kuyo. Kamva iloli yafunyanwa ishiywe eStrandfontein.
Abaphathi bamapolisa eNtshona Koloni bancome amalungu ecandelo leK9 ngokuzinikela kwawo kunye nempendulo ekhawulezileyo ekulandeleni ulwazi abalufumeneyo nokubanjwa komrhanelwa kamsinya nje emva kokuqweqwedisa kweloli.