Igalelekile imizimba yamajoni weli loMzantsi Afrika abhubhele eDRC .
Ide ekugqibeleni yafika ekhaya eMzantsi Afrika imizimba yamajoni weli abhubhele edabini kwimpuma yelizwe laseDemocratic Republic of Congo (DRC) emva komlo oshushu neqela loophuma-silwe beM23.
Othethe egameni lomkhosi noqinisekise ukuba ngenene le mizimba ifikile kweli, uAdmiral Prince Tshabalala, uthi basebenza kumalungiselelo okugqithisa imizimba kwiintsapho.
Inkonzo yesikhumbuzo yala majoni iza kubanjelwa kwinkampi yomkhosi womoya iSwartkop.
“Singakuqinisekisa ukuba ifikile imizimba yamajoni ethu abhubhele eDRC, ifike kubusuku obugqithileyo emva kohambo olude ukusuka kwilizwe laseDRC,” kutsho uTshabalala.
Kukho iingxelo zokuba le mizimba ilityaziswe kukuba inqwelomoya yomkhosi ibithwele le mizimba kunyanzeleke ukuba iyekugqitha eTanzania ngemizimba yamajoni aseTanzania.
“Imizimba yabo iza kugqithiswa ngendlela enesidima nembeko ngelinika imbeko kula majoni ukubonisa ukuba la ngamajoni afele edabini esenza umsebenzi omhle,” kucacisa uTshabalala.
Amajoni weli akwilizwe laseDRC ukuya kuba yinxalenye yamajoni wamazwe akumazantsi weAfrika ukuba kuqinisekiswe uxolo eDRC.
Le ntlekele ibangele ukugxekana phakathi kwemibutho yezopolitiko kweli kunyolwa uMongameli welizwe uCyril Ramaphosa. UTshabalala wenze umbulelo kwiintsapho ezizele la majoni ngokunyamezela bonke ubunzima nentlungu yokulinda abantwana babo.
“Inkonzo yesikhumbuzo iza kwenziwa ngeenjongo zokukhumbula umsebenzi onzima, ukuzinikela nokuthanda ilizwe labo, konke oku ngesidima nesithozela,” kutsho uTshabalala.