Umpu neembumbulu ezifunyenwe ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS
Amapolisa aseMdantsane, eMonti enze iphulo njengenxalenye yeenzame zawo zokunqanda ulwaphulomthetho kule ndawo. Iinzame zabo zikhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abasixhenxe ngamatyala awohlukeneyo, aquka ukuba neziyobisi, imipu engekho mthethweni, kwanokuqhuba benxilile.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Hazel Mqala, amapolisa afumene ulwazi ngeCawe olukhokelele kweli phulo.
“Eli phulo lalibandakanya iindawo apho kwakuhlolwa iinqwelo-mafutha, kugqogqwa abantu abarhanelwayo, nokuphunyezwa kwezigunyaziso zokugqogqa.
“Ngenxa yoku, abarhanelwa abathathu abangamadoda baye babanjwa ngenxa yokuba neziyobisi, ababini babanjelwe ukuqhuba benxilile, abanye abarhanelwa ababini bona ngokufunyanwa nemipu neembumbulu ezingekho mthethweni,” utshilo uMqala.
Abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engama30 nama57 baye bavalelwa, ze kwathinjwa izithuthi ezibini ezinento yokwenza nolwaphulomthetho ukuze amapolisa akwazi ukuqhubeka nophando.
Abarhanelwa bavele phambi kweNkundla kaMantyi eMdantsane ngoLwesibini, umhla we11 kweyoMdumba 2025.