UNelson Mandela onwabile emva kokuba ekhululwe entolongweni. Umfanekiso: Getty Images
Namhlanje ngo1990, owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela wakhululwa entolongweni emva kokuchitha iminyaka engama27, wayeneminyaka engama71 ubudala xa wayephuma eziseleni.
Ukubanjwa kwakhe
Ngowe1961, wabanjwa ngenxa yokungcatsha urhulumente, yaye nangona wafunyaniswa engenatyala ngesi sityholo, waphinda wabanjwa ngowe1962 ngenxa yokulishiya eli lizwe ngokungekho mthethweni. Wafunyaniswa enetyala wagwetywa iminyaka emihlanu kwintolongo yaseRobben Island, waphinda wavela kwakhona enkundleni ngo1964 ngezityholo zokubhukuqa urhulumente ngezenzo zakhe.
Ngenyanga yeSilimela ka1964, wagwetywa ekunye nezinye iinkokeli zeANC waza wagwetywa ubomi entolongweni ngurhulumente wocalucalulo.
Ixesha lakhe entolongweni
Ukususela ngo1964 ukuya ku1982, wavalelwa kwintolongo yaseRobben Island eTable Bay kunxweme lwaseKapa. Emva koko wasiwa kwintolongo yasePollsmoor eTokai, eKapa de kwangowe1988. Emva koko watshintshelwa kwintolongo iVictor Verster kufuphi nePaarl, kumntla-mpuma weKapa apho wayelapho de wakhululwa.
Urhulumente wocalucalulo wanika uMandela intlaninge yamathuba okukhululwa entolongweni anemiqathango, kodwa akazange avume ngenxa yale miqathango. Ephendula elinye ithuba awayelinikwe lokuba akhululwe, kuthiwa wathi ngamadoda akhululekileyo kuphela akwaziyo ukubandakanyeka kwiingxoxo ezilolo hlobo kwaye njengebanjwa akangomntu okhululekileyo.
Ukukhululwa kwakhe
Kungekudala emva kokukhululwa kwakhe, wathetha namawakawaka abantu kwindibano eyayikwivaranda yeholo yesixeko saseKapa. “Ngoku lixesha lokuba siqinise umzabalazo kuwo onke amacandelo. Ukuphumla ngoku kuya kuba yimpazamo izizukulwana ezizayo ezingayi kuyixolela,” watsho ethetha nenginginya yabantu.
Ayingobemi boMzantsi Afrika kuphela abakuvuyelayo ukukhululwa kwakhe, izigidi kwihlabathi jikelele zavuya, njengoko amanye amazwe ayegxeka urhulumente wocalucalulo kweli lizwe esithi mayipheliswe le nkqubo.
Emva kwexesha entolongweni
Kungekudala emva kokukhululwa kwakhe, uMandela wabekwa njengoSekela Mongameli weANC, waba nguMongameli walo mbutho kweyeKhala ka1991. UMandela wakhokela iANC kwiingxoxo noF.W. de Klerk ukuze kupheliswe ucalucalulo nokuzisa inkululeko eMzantsi Afrika.
Ngenyanga kaTshazimpuzi ka1994, wakhokela iANC waze waphumelela kunyulo luka1994. Waba nguMongameli wokuqala ontsundu eMzantsi Afrika waza wafungiswa njengoMongameli ngomhla we10 kuCanzibe ngo1994.
Akakhange afune isihlandlo sesibini njengoMongameli waze wangenelelwa nguThabo Mbeki ngo1999.
UMadiba ulandulele eli ngomhla we5 kweyoMnga ka2013 eneminyaka engama95.