Kutshiswe iiteksi kwirenki yaseNyanga eKapa. Umfanekiso: Gallo Images/Brenton Geach
Usihlalo wombutho ongugalelebhayi kwimibutho yeeteksi kweli, iSantaco, imemelela ukuba amapolisa oMzantsi Afrika adlale indima yawo kubanjwe abantu abatshise iiteksi ezingamashumi amabini eNyanga eNtshona Koloni.
Usihlalo weSantaco eNtshona Koloni, uMandla Hermanus, kwincoko yakhe neNewzroom Afrika ubongoze abomthetho ukuba bathabathe amanyathelo angxamileyo.
“Sinolwazi lokuba oku kubangelwa ngumlo wangaphakathi kumzila othile ohamba phakathi kweNyanga kwakunye nedolophi yaseKapa, umzila lo ubizwa ngokuba yiSeawater ephantsi kweCape Amalgamated Taxi Association (Cata),” kucacisa uHermanus.
Uthi kuyothusa ukuba oku kwenzeka nangona kukho isikhululo samapolisa esikufutshane kule ndawo zitshele kuyo ezi teksi.
“Isikhululo samapolisa aseNyanga sikumgama ongangamakhulu amabini eemitha ukusuka apha kwirenki yeeteksi, ukubonakala kwamapolisa kungancedisa ukuthibaza ezi ziganeko,” kutsho uHermanus.
Okona kubangela ukungavani kukuba iSeawater Taxi Association ibanga ubunikazi bomgama ophakathi kweKapa kwakunye nerenki yaseNyanga.
Ingxaki kwishishini leeteksi isoloko iphakathi kwemibutho eyahlukeneyo equka iCata kwakunye neCodeta.
“Ngaphandle kwamathandabuzo singatsho ukuba zona iiteksi ezi zitshisiwe, sitsho kuba apha kutshe iiteksi eziphantsi kombutho omnye kuphela iSeawater Taxi Association,” kutsho uHermanus.
Esi siganeko sishiye uninzi lumangazekile emva kokuba kuvukwe ngeendaba zokutsha kweetekisi ezingamashumi amabini erenkini yaseNyanga.
Irenki yaseNyanga yenye yeerenki ezindala eNtshona Koloni nephantsi kombutho weCata nesele izele ezinye iirenki ezincinane kunayo. Zingaphezu kwewaka iitekisi eziphuma zingena kule renki ukuya kwiimbombo zone zeNtshona Koloni imihla ngemihla zithwele abantu.