IMK Party ithi uDuduzile Zuma-Sambudla makacele uxolo kuFloyd Shivambu.
Umbutho weMK Party ukhuphe ingxelo enyanzelisa ukuba olilungu lePalamente lalo mbutho uDuduzile Zuma-Sambudla acele uxolo kuNobhala walo mbutho uFloyd Shivambu ngenxa yezithuko azenze kwikhasi lakhe likaX ezijoliswe kuShivambu.
Ingxelo ithi phakathi kwezinto ezithethwe nguZuma-Sambudla kukubiza uShivambu njengo‘Mafikizolo’ ekwamnyelisa ngeendlela ezininzi.
UMongameli weMK Party uJacob Zuma unyanzelise ukuba uZuma-Sambudla abhale incwadi engxamileyo ecela uxolo kuShivambu, kwiinkokheli zombutho, kumalungu ombutho, kubaxhasi nakubantu boMzantsi Afrika ngokubanzi.
Kukho iingxelo zokuba uZuma-Sambudla uza kujongana nenkqubo yoluleko yangaphakathi kumbutho weMK Party.
UZuma-Sambudla ukwatyholwa ngokuba utyeshele ngamandla imigaqo nkqubo yombutho weMK Party evumela ukuba ubani afake isikhalazo ukuba kukho into angayithandiyo kwelinye ilungu.
“Ukusilela kukaZuma-Sambudla ukucela uxolo kuza kunyanzelisa umbutho ukuba uthathe amanyathelo aquka ukunqunyanyiswa kwakhe njengelungu nanjengenkokheli kumbutho weMK Party, singawathatha onke amalungelo nobulungu bakhe embuthweni,” kutsho ingxelo kaJacob Zuma.
UZuma uthi umbutho weMK Party ngumbutho wabantu bonke belizwe loMzantsi Afrika, ngoko akwamkelekanga ukungahlonitshwa kwamanye amalunga ngamanye amalungu.
“Ukuthukwa nokonyeliswa kwelungu lelinye ngamanyathelo abangela iyantlukwano embuthweni, kwaye awamkelekanga,” kutsho ingxelo yeMK Party.