Owayesakuba lilungu le’EFF uGqirha Mbuyiseni Ndlozi. UMFANEKISO: X
Owayesakuba lilungu le’Economic Freedom Fighters (EFF) ePalamente, uGqirha Mbuyiseni Ndlozi urhoxe ngokusesikweni njengelungu le’EFF, oku kulandela isibhengezo sakhe sokurhoxa njengelungu lePalamente yalo mbutho kwinyanga ephelileyo.
UNdlozi ubenodliwanondlebe neSABC, nalapho athe uthathe isigqibo sokurhoxa kwezopolitiko.
Bekukho amarhe okuba uNdlozi nenkokeli ye’EFF uJulius Malema ababoni ngasonye. Ubudlelwane bakhe ne’EFF bujike baba muncu, nto leyo eyakhokelela ekubeni angabikho kwinkomfa yalo mbutho kunyaka ophelileyo.
Uqinisekisile ukuba wanqunyanyiswa emva kwezityholo zokusebenza neMK Party nokungabelani ngolwazi malunga nokuhamba kukaFloyd Shivambu esiya kwiMK Party.
“Ndanqunyanyiswa malunga neeveki ezintandathu phambi kwenkomfa ye’EFF. Babanga ngelithi ndiyinxalenye yeqhinga leMK Party yokungenelela kumbutho nokukuba ndandisazi ngokumka kukaShivambu,” utshilo.
UNdlozi ucacise ukuba wayengenazicwangciso zokuzimanya neqela likaJacob Zuma iMK Party, esithi ezo zityholo zazisekelwe kubuxoki. Kodwa uthe wayesazi ngokumka kukaShivambu kuba wamazisa.
“Ndandisazi ngokumka kukaFloyd Shivambu, wandixelela ngeengcinga zakhe, kwaye ndamxelela ukuba athethe neenkokeli ngazo, wenjenjalo. Le ngcinga yokuba bekufanele ukuba ndibaleke ndazise abanye abantu, okanye ubunkokeli ngokungathi ndiyimpimpi, umntu ohlebayo okanye umntu odala iingxabano phakathi kwabantu, andinguye loo mntu mna,” utshilo uNdlozi.
Ngokushiya kwakhe ipolitiki yemibutho, uNdlozi uthi ngoku ugxile kwezemfundo nakwigalelo lakhe kuluntu.