Uthando lubanike abantwana abali16. Usapho lakwaBonell.
EZAPHESHEYA – URay Bonell nenkosikazi yakhe uJeni Bonell baseAustralia bangabazali babantwana abalishumi elinesithandathu emtshatweni wabo into engaqhelekanga.
Esi sibini sisikelelwe ngabantwana abangamakhwenkwe abalithoba nabantwana abangamantombazana abasixhenxe.
URay Bonell usebenza ngokwenza umbane logama inkosikazi yakhe ihlala ekhaya ijongane neentsana zabo.
“Ukufumana kwethu abantwana ababini ndaye ndacinga mna ukuba banele abantwana, kodwa uJeni wayefuna omnye umntwana, emva koko asikhange sibenolawulo lwayo le meko,” kutsho uRay Bonell.
Ukuzala abantwana yenye yeendlela zokugcina uthando luvutha phakathi kwababini abatshatileyo.
“Ngenxa yobuninzi babantwana, uvuka ungayazi ukuba uza kudibana nantoni, asikho isithukuthezi kweli khaya, ukuncanyiswa okungapheliyo okuqhutywa luthando yonke imihla,” utsho uRay.
URay uthi ufunde ukuba ukuzala bantwana abaninzi kuyafundisa kuba nabo abafani ngeendlela ezininzi.
“Asinguye wonke umntu onokulunga ukuphila ngolu hlobo, umntu ngamnye makenze oko kumfaneleyo ukuze anelise iimfuno zakhe, ukuzala kangaka kuza neengxaki zako ngaphandle kwamathandabuzo,” kutsho uRay.
Enye yeengxaki eziphambili kusapho olungaka kukutyiswa kwezo zisu zilindele ubomi obuqhelekileyo.
“Uyanyanzeleka ukuba uye evenkileni izihlandlo eziliqela ngeveki, kuba izinto zokutya ziphela ngokukhawuleza, kufuneka kuthengwe kakhulu yonke into ukuze zithathe ixesha elide,” utsho uRay.
Xa befika kwiminyaka esibhozo baqalisa ukunikwa imisebenzi abantwana bakwaBonell ukuze bathathe inxaxheba nabo kwimisebenzi eyenziwa ekhayeni imihla ngemihla.
“Sibanexesha lokuba siphume sobabini siyokutya isidlo sakusasa, oku kwenzeka lula ngenxa yokuba kukho aba badala bakwaziyo ukujongana naba bancinci,” kucacisa uRay Bonell.