Amapolisa afuna ulwazi ngokubulawa kwamadoda amabini eMotherwell.
Amapolisa aseMotherwell, eGqeberha aqhuba uphando kulandela isiganeko sokudutyulwa kwamadoda amabini kwaNU12, eMotherwell emva kwemini ngoLwesithathu.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg, kutyholwa ukuba emva kwentsimbi yesithathu (15:10) emva kwemini ngomhla wesihlanu kweyoMdumba 2025, amapolisa akwisikhululo samapolisa aseMotherwell asabela kulwazi lodubulo olwalukwikona yesitalato iTinira nakwisitalato i1st Xhama.
“Ekufikeni kwabo, babhaqe imoto yohlobo lweVW Polo esilivere enemingxuma yeembumbulu ezininzi kwanemizimba yamadoda amabini ebengaphakathi,” utshilo uJanse Van Rensburg.
Kuthiwa okwangoku asikaziwa isizathu sesi siganeko kwaye akukabanjwa mntu.
Amapolisa acela nabani na onokuba nolwazi olunokunceda kuphando ukuba eze ngaphambili. Onolwazi ngeli tyala uyacelwa ukuba atsalele umcuphi uWarrant Officer John Lourens ku071 352 4706. Ungatsalela umnxeba iCrime Stop kule nombolo: 08600 10111. Kuthiwa abantu basenokukhetha ukungaxeli ukuba bangoobani xa besabelana ngolwazi.