UMzwanele Manyi weMK Party.
Uninzi lwemibutho yezopolitiko inethemba kwintetho yobume besizwe ezakwenziwa nguMongameli weli uCyril Ramaphosa namhlanje, kodwa iMK Party ithi yinkcitha xesha.
Ongumnqashi sabhokhwe kumbutho weMK Party kwiPalamente yeli, uMzwanele Manyi, uthi yinkcitha xesha intetho kaMongameli Cyril Ramaphosa azakuyiqhuba kwiholo yedolophu yaseKapa.
Le yintetho eyenziwa minyaka le ngelinika umkhomba ndlela kuluntu loMzantsi Afrika.
Uninzi lwemibutho ephantsi korhulumente wendibanisela neANC bavuthele emazinyo bengakwazi ukuthetha ngokucacileyo njengesiqhelo.
“Akukho kwanto enika umdla ngale ntetho, akukho nto umntu anokuthi ujonge okanye ulindele yona, kodwa siza kubakho ukuze sibhale phantsi imiba ethile kule ntsomi yentetho yobume besizwe,” kutsho uManyi.
UManyi uthi kudala uRamaphosa ethetha ngezinto ezingenzekiyo, kwaye akananxibelelwano nabantu abahluphekayo boMzantsi Afrika.
“Ndibhekisa kwixesha lokuphatha kwakhe uRamaphosa, zininzi iingxaki ezibenza bubekrakra ubomi babantu ngenxa yolawulo lwakhe,” utsho uManyi.
Ngenxa yezikhundla zeGNU, eminye imibutho ebiqhele ukuyigxeka le ntetho, iluma ivuthela malunga nokulindelekileyo kuRamaphosa.
“Ukuba uRamaphosa ebezikhathalele iimpilo zabantu boMzantsi Afrika, bekumele ukuba urhulumente wakhe wenze utshintsho olucacileyo kule minyaka yokuphatha kwakhe, alukho utshintsho,” kutsho uManyi.
Uthi eli lizwe linesakhono sokukhathalela iimpilo zabantu balo, kodwa akwenzeki konke oko. “Sithengisa izimbiwa zethu ngemali engekhoyo, urhulumente ngunobangela wendlala enkulu ezimpilweni zabantu bakuthi, baxokile bathi ingxaki yombane bayiphelisile kodwa usacima nangoku umbane,” kuthetha uManyi.
Okona kunika umdla kulo nyaka ngale ntetho kukuba koko kuqala ukuba yenziwe ngurhulumente wendibanisela nemibutho ephikisayo.