Abafundi benkqubo ye’EMSS eMonti abathe bagqwesa kwiziphumo zematriki zika2024 bawongwe kumsitho weembasa ze’EMSS kutshanje. Umfanekiso: Uthunyelwe
Inkampani yamafutha iEngen kutshanje iqaqambise abafundi abebeyinxalenye yenkqubo yayo ka2024 iEngen Maths & Science School (EMSS) abathe bagqwesa kwizifundo zabo. Umsitho wokuwonga ubuseGqeberha, eMonti naseCala.
Iimbasa ze’EMSS bezibanjwe kule mpelaveki iphelileyo eKariega Uitenhage Town Hall eGqeberha, eLumko Secondary School eMonti, naseKhanyisa Special School eCala.
Ingqubo ye’EMSS inceda abafundi bakaGrade 10 ukuya kuGrade 12 ukuba balole ulwazi lwabo kwizifundo ezifana nezibalo, isiNgesi, nePhysical Science.
Phakathi kwabafundi abaphumelele emagqabini nguInam Tonono wesikolo samabanga aphezulu KwaMagxaki. UInam uphumelele ngokugqwesileyo kwizifundo ezihlanu, kuquka no84% kwizibalo. Uye wamkelwa ukuba enze izifundo zeActuarial Science kwiYunivesithi yaseFreyistata.
Ingcebiso kaInam kubafundi balo nyaka ithi: “Kufuneka uhlale ukhuthazekile kwaye uzikhumbuze ngeenjongo zakho. Hlala ulungelelene, uziqhelanise nokwenza umsebenzi omhle uhambe ngayo ngomnca, kwaye ugxile ekuphuculeni apho ungenzi kakuhle khona. Okona kubalulekileyo, yikhathalele impilo yakho yengqondo.”
Omnye umfundi oqhube kakuhle nguSandinathi Mkhize waseCala ophumelele emagqabini kwizifundo ezihlanu – kuquka no88% amfumene kwizibalo. USandinathi kulindeleke ukuba aphumeze iphupha lakhe lokufunda izifundo zobugqirha kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu.
USandinathi uzibandakanye nale nkqubo ye’EMSS ukusuka kuGrade 10. Ecebisa abafundi balo nyaka, uSandinathi uthe: “Xa usenza into eza kutshintsha ubomi bakho, yenze ngothando nangentshiseko. Sebenza nzima, kholelwa kuwe naxa uhambo lunzima, kwaye usebenzise zonke izixhobo ezifumanekayo. Musa ukoyika ukucela uncedo. Khumbula, ukuqhubeka nomsebenzi omhle ngundoqo.”
Abanye abafundi abaqhube kakuhle baquka uLiphe Matyila wesikolo samabanga aphakamileyo iNyameko, uOdwa Leon Cele wesikolo samabanga aphakamileyo iSophathisana noKuluyolo Mbasa Jimana wesikolo samabanga aphakamileyo iTsholomnqa.
Ethetha ngomsebenzi owenziwe ngabafundi kunye nefuthe le’Engen, uMphathi weCSI kwaEngen, uOlwethu Mdabula, uthe: “IEngen iyazingca ngabo bonke abo baphumelele uGrade 12, ingakumbi abo baphumelele emagqabini ababonakalisa ukomelela nokusebenza nzima. Impumelelo yabo ibonisa indlela imfundo esemgangathweni enokuguqula ngayo ubomi kwaye incede ukujongana nokunqongophala kwezakhono ezibalulekileyo eMzantsi Afrika.
“Siyazingca ngokubhiyozela impumelelo yaba bafundi. Impumelelo yabo ibonakalisa amandla emfundo ukubumba ikamva eliqaqambileyo loMzantsi Afrika.”
Ingqubo ye’EMSS, esele ineminyaka engaphezu kwama35 isebenza, ibonelela ngemfundo eyongezelelweyo yasimahla kubafundi abali1500 ngonyaka kumaziko alishumi kuzwelonke.