Abafundi bacetyiswa ukuba bafunde kwiikholeji zeTVET.
Xa abantu bekhangela amaziko emfundo ephakamileyo abanokuthi bafunde kuwo emva kokuba begqibe amabanga aphakamileyo, badla ngokungazithatheli ngqalelo iikholeji zeTVET, okanye xa besiya kuzo – baya kuba beyokuncamela.
USekela Mphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho, uGqirha Mimmy Gondwe, ukhuthaze abafundi ukuba bazithathele ingqalelo iikholeji zeTVET njengenye indlela exabisekileyo nenokuba luncedo ekuqhubeleni phambili amakhondo abo.
UGqirha Gondwe kutsha nje utyelele iNtshona Koloni eyokubona imeko yokulungela kwamaziko emfundo ephakamileyo nanjengoko eza kuvulwa kule nyanga. Lo Sekela Mphathiswa ujikeleza ilizwe lonke esiya kumaziko emfundo ephakamileyo.
“Iyandikhuthaza kakhulu le nto ndiyibona kwiikholeji zeTVET, ndikholelwa ukuba zilikamva leli lizwe. Iikholeji zeTVET zivelisa amagcisa anezakhono ezifuneka ngamandla kwaye zikwanika abafundi amathuba okuba bafumane izakhono zexesha elizayo, ezifana nerobotics, iAI (Artificial intelligence), nokukhowuda (coding),” utshilo uGqirha Gondwe.
Kolu tyelelo, uGqirha Gondwe ebekhatshwa ngamagosa aphezulu naphambili kwiSebe lakhe, nabasuka kwiziko elibonelela ngoncedo lwemali kubafundi, iNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS).
Umba wokufumana inkxaso-mali yokufunda usengumceli mngeni nanjengoko abafundi abaninzi bengawufumani uNSFAS. Eminye imingeni kukulibaziseka kokufumana imali kwabo baxhaswa nguNSFAS.
“I-NSFAS kufuneka yenze ngcono ukuze iqinisekise ukuba iimali zabafundi zihlawulwa kwangethuba kungabikho kulibaziseka. Ukulibaziseka kubangela imingeni kubafundi, abafundi bafuna le mali ukuze bathenge ukutya neemveliso zococeko. Oku kubalulekile kwimpilo-ntle kunye nesidima sabo,” utshilo uGondwe kutsha nje ngethuba ebetyelele eFreyistata.
Zingamashumi amahlanu iikholeji zeTVET ezibhalisiweyo eMzantsi Afrika ngokweSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho. Kukho ngaphezu kwamakhulu amathathu ekhampasi ezisasazeke kwilizwe liphela. Ukuze ubhalise kwikholeji yeTVET ekufutshane nawe okanye ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, ndwendwela: www.tvetcolleges.co.za