UPresley Chweneyagae uswelekile.
Image: Instagram
Umdlali kamabonakude uPresley Chweneyagae usweleke eneminyaka engama40 ubudala.
Inkampani elawula abadlali bakamabonakude ebephantsi kwayo, iMLA ikuqinisekisile ukubhubha kwakhe. "Sibuhlungu ukubhengeza ukusweleka kukaPresley Chweneyagae, umdlali, umbalisi wamabali, utata, nonyana onebhongo waseMzantsi Afrika," ibhale yatsho [iMLA] kwikhasi layo likaInstagram.
UChweneyagae wazalelwa eMafikeng, eMntla Ntshona, waza waqalisa ukulingisa eneminyaka elishumi xa wangena kwiiklasi zedrama eNorth West Arts Council, ngoku ebizwa ngokuba yiMmabana Arts, Culture and Sports Foundation, ngokwengxelo yeMLA.
Uzenzele igama edlala kumboniso bhanyabhanya othi Tsotsi owaphephezelisa iflegi yoMzantsi Afrika kwinqanaba lehlabathi, kwaye lo mboniso bhanyabhanya wenza imbali ngokuphumelela imbasa yeOscar yeBest Foreign Language Film.
UChweneyagae udlale indawo kaCobra kuThe River, oku kukhokelele kwinkqubo yakhe entsha emva kokuba iThe River iyeke ukudlala kumabonakude. Le nkqubo yakhe iCobrizi ilandela yena, uCobra njengoko ebefuduke wayokuhlala eGoli kuba ezama ukutshintsha ubomi bakhe.
"Sidlulisa uvelwano lwethu kwinkosikazi yakhe, kubantwana bakhe, kusapho lwakhe lonke, abo asebenza nabo, nabo bonke ababemazi nabamthandayo. Ngelixa sibuhlungu ngenxa yokuphulukana netalente ebalaseleyo, sibhiyozela ukukhanya akuzise ehlabathini," itshilo iMLA.
Iinkcukacha ezimalunga nenkonzo yesikhumbuzo ziza kubhengezwa ekuhambeni kwexesha.