Ezoyolo

OwaseNgqamakhwe kumagqibela kankqoyi kaMr Heritage Teen SA 2025

Zenande Maqubela|Published

Mr Heritage Teen SA 2025: U-Inga Mkalali kumagqibela kankqoyi kaMr Heritage Teen SA 2025

Image: Uthunyelwe

Inzalelwane yaseNgqamakhwe iphakathi kwamatyendyana aza kukhuphisana kumagqibela kankqoyi esithsaba sikaMr Heritage Teen SA 2025, kwinyanga ezayo eMonti.

U-Inga Mkalali nominyaka ilishumi elinesithoba (19), welali iSihlabeni eNgqamakhwe, uyaqala ukungena ukuphiswano olukweli zinga likaMr Hertiage Teen SA, kodwa noko kunjalo bakhona abanye oonobuhle athe wabangenela ngempumelelo  ngaphambili.

"Uthando lwam koonobuhle bamadoda lwasukela mhla ititshala yethu isibalisela ngoZozibini Tunzi wephondo eli lethu iMpuma Koloni, ophumelele uMiss South Africa. Ngelo lixa kum kwakumnyama xa kuthethwa ngoMiss South Africa, de ndazenzela olwam uphando, kwabe oko kukukhula kwentshisakalo, uthando kwanomdla koonobuhle," utshilo uMkalali.

UMkalali ngumfundi eWalter Sisulu University, eMthatha, nalapho esenza unyaka wesibini kwizifundo zobutitshala, iBatchelor of Education ngolwasemzini.

Nakuba le nzwana ingekadibanisi neminyaka engamashumi amabini ubudala, kodwa sele izenzela igama kwezoonobuhle, ukusasaza kunomathotholo nakumabonakude. Kungoku nje usasaza inkqubo ebizwa Art Centre kwiMpumakapa tv, Dstv channel 260. Ukanti ukwangumsasazi wenkqubo yolutsha kwiUnitra Community Radio.

UMkalali ukwangenele nokhuphiswano luka-Mr Inkciyo 2025, nalapho ekumagqibela kankqoyi olu khuphiswano. Ukwathi olona khuphiswano ajonge impumelelo ngamehlo abomvu loluka Mr Heritage Teen SA 2025.

"Xa ndinokuphumelela uMr Heritage Teen SA 2025, oko kungandivulela iminyango emikhulu nanjengoko ophumeleleyo eza kufamana inyhweba yokuya kumela ilizwe loMzantsi Afrika phesheya, nto leyo eliphupha kum," utshilo uMkalali.

Ukwathe impumelelo ingamnika ithuba lokubonisa izizwe ngenkcubeko yoMzantsi Afrika, kwaye aqaqambise nobuntu beli lizwe.

Uqhube wathi indlela yakhe khange ibe lula kolu khuphiswano nanjengoko ubeke wakuluhlu olwathi lwakhiqwa kunyaka ophelileyo, ze lwabuyiselwa kamva kwakubakho abarhoxayo.

"Ukuba kumagqibela kankqoyi kwam kolu khuphiswano kubonisa ukuba noko ndisondele entanjeni," uvale ngelo uMkalali.

Amagqibela kankqoyi okhuphiswano lukaMr Heritage Teen SA 2025, aza kubanjelwa Monti, ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo uCanzibe.