Ezoyolo

Halala, uZozibini Tunzi utshatile!

Cwayita Nondula|Published

UZozibini Tunzi noLuthando Bolowana batshatile.

Image: Zozibini Tunzi/Instagram

Owayesakuba nguMiss Universe kunye noMiss South Africa, uZozibini Tunzi utshatile. Utshate noLuthando Bolowana kule mpelaveki iphelileyo ngoMgqibelo, umhla wama22 kweyoKwindla, eBelair Pavillion eCape Winelands.

UZozibini ubhengeze ukuba utshatile kwikhasi lakhe likaInstagram elinabalandeli abangaphezu kwezigidi ezibini. Ubhale, "Ndiyakuthanda ngokungapheliyo. Myeni."

Umtshato wakhe ubunentlaninge yoosaziwayo abebewuzimasile abafana noAnele Mdoda, Connie Ferguson, Basetsana Kumalo noNomzamo Mbatha ukubalula abambalwa.

Ilokhwe yakhe entle yomtshato ebiyilwe ngumyili obekekileyo waseVietnam uPhan Huy.

Le nzalelwane yakuTsolo ezenzele igama kwicandelo lezolonwabo kuthiwa izakuba nomtshato wesintu kuTsolo ngempelaveki.

Abantu kumakhasi onxibelelwano bavuyisene neli nenekazi elizenzele imbali ngokunxiba isithsaba sikaMiss Universe ixesha elide. Ubambe esi sihloko kangangeenyanga ezilishumi elinesixhenxe ngenxa yobhubhani wehlabathi, iKhorona.