UTshego Gaelae ophumelele uMrs World 2025. Umfanekiso: Instagram
Unobuhle waseMzantsi Afrika, uTshego Gaelae, wenze imbali emva kokuba yinkosikazi yokuqala emnyama ukuphumelela isithsaba sikaMrs World ngethuba ephumelela uMrs World 2025.
Ulibhinqa lokuqala elintsundu ukuphumelela ukusukela oko lwaqala olu khuphiswano loonobuhle kwiminyaka engama40 eyadlulayo. UGaelae ngunobuhle wesibini woMzantsi Afrika ophumelele esi sithsaba emva kukaCandice Abrahams owaphumelela ngo2016.
Lo msitho woonobuhle uMrs World 2025 ububanjelwe eLas Vegas, eMelika kwiveki ephelileyo.
“Ndifuna nje ukuthatha lo mzuzu ndithi enkosi kuye wonke umntu, usapho lwam lukaMrs South Africa luphela – kwanabahlobo bam abathe bandithandazisa, nomyeni wam.
“Andikholelwa ukuba sisizisa esi sithsaba ekhaya. Le yeyabo bonke oonobuhle abathe bafikelela kwinqanaba lehlabathi – bonke oonobuhle boMzantsi Afrika. Ngendingazange ndikwazi ukuhamba le ndlela ukuba zange nindivulele yona,” watsho uGaelae ebulela.
UMphathiswa kwiOfisi kaMongameli ojongene namanina, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo, uSindisiwe Chikunga, ngomnye wabantu abathe bavuyisana noGaelae ngempumelelo yakhe eyimbali.
“Njengoko uMzantsi Afrika ubhiyozela iminyaka engama30 yenkululeko, uloyiso lukaGaelae luphawu lokomelela, ukugqwesa, kunye nokuqatshelwa kwabasetyhini baseMzantsi Afrika kwihlabathi.
“Ukuphumelela kwakhe isithsaba kwisikhumbuzo seminyaka engama40 yolu khuphiswano lukaMrs World asiyompumelelo yakhe nje kuphela kodwa yinto yokuzingca yesizwe echaphazela izigidi zabasetyhini kwilizwe liphela nakwizwekazi leAfrika,” utshilo uChikunga.
Related Topics: