UBig Zulu uphumile esibhedlele. Umfanekiso: Big Zulu/X
Uphumile esibhedlele imvumi uSiyabonga Nene nodume ngelikaBig Zulu emva kokubandakanyeka kwingozi yemoto ngobusuku bangeCawe.
Inkampani yakhe yoshicilelo umculo, iNkabi Records, ibhengeze ngoMvulo ukuba ubandakanyeke kwingozi yemoto kwaye ikwacele abantu ukuba bamgcine uBig Zulu emithandazweni yabo.
Emva kokuphuma kwakhe esibhedlele, uBig Zulu ubulele abantu ngemiyalezo yabo yenkxaso.
“Nkabi Nation, ndithanda ukuthatha eli thuba ndibulele kakhulu ngemithandazo yenu, ndiyaphila. Ndingathanda ukubulela oogqirha kunye noomama baseAlberton Netcare ngothando abandinike lona. Ndibamba ngazibini koosisi noobhuti ngokundikhathalela, enkosi kakhulu. Uthando olunye,” utshilo uBig Zulu kwikhasi lakhe lonxibelelwano.
Ukanti iNkabi Records ikwabulele abantu ngenkxaso nangemithandazo yabo. “Ngethamsanqa akukho nto ibeka ubomi bakhe esichengeni. Enkosi kwakhona,” itshilo iNkabi Records kwingxelo.
Related Topics: