Umdlali kamabonakude uWarren Masemola. Umfanekiso: SABC
Owayesakuba ngumdlali weHouse of Zwide, uWarren Masemola, kunye nobesakuba ngumdlali weMuvhango, uLesley Musina, kulindeleke ukuba bazibandakanye nomdlalo weSABC1 odumileyo, iSkeem Saam. Esi sibhengezo senziwe yiSABC ngoLwesithathu, umhla wama23 kweyeDwarha.
Umdlali ophumelele iimbasa, uMasemola uzakudlala indawo kaGopane, oyinzalelwane yaseTurfloop, owafudukela eGoli ukusebenza njengonoteksi, novumbuluke wathi gqi kwiinyanga ezimbalwa emva kokuba unyana wakhe uSmaki elahlekile ngendlela engaqondakaliyo.
Ethetha ngokuba kulo mdlalo udumileyo eMzantsi Afrika uthe, “Ngenene ndiziva ngathi ndiseLimpopo. Njengoko ndingumfana wasedolophini okhulele eTshwane, iseti yeSkeem Saam indenza ndizive ngathi ndifikele kubantu bam,” utshilo uMasemola.
UWarren uya kuvela kwiSkeem Saam ngomhla we4 kweyeNkanga 2024.
Ngelixa, uMusina kulindeleke ukuba ashukumisa izinto aphefumlise uMnumzana Kgomo noMelita ngemibhobho. Kuthiwa lo kaMusina uza kudlala uFefo, umntu obonakala eyindoda nje ezipholeleyo, enomtsalane, ezithembileyo kunye nenkangeleko entle kodwa ababukeli kungekudala baza kufumanisa icala elimdaka kuye.
UMusina uthi ukuba kwiSkeem Saam liphupha elizalisekileyo, kwaye ngumdlalo kamabonakude omangalisayo.
“Wonke umntu unobubele apha kwaye ndaziva ndisekhaya ngoko nangoko xa abadlali, abasebenzi kunye nabavelisi balo mdlalo bandamkela ngezandla ezishushu. Ingathi kudala ndilapha,” utshilo uMusina.
ULesley uza kuba kwiSkeem Saam ukususela ngomhla wama20 kweyeNkanga 2024.
ISkeem Saam sidlala phakathi evekini ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa kuSABC 1.
Related Topics: