UNtombie Zondani. Umfanekiso: Uthunyelwe
Imvumi yomculo wokholo yaseNgqeleni, eMpuma Koloni, iphumelele iimbasa ezimbini kwiMzansi Arts and Media Awards, kumsitho obubanjwe kwinyanga ephelileyo kweyoMsintsi, eGoli.
UAbongile Zondani nowaziwa ngokuba nguNtombie, uphumelele emva kokuchongwa kuluhlu lweBest Traditional Gospel Artist, kwakunye nolweProvincial Artist. Le mvumi ayilidanisanga iphondo, nanjengoko ibuye iphethe iimbasa ezimbini kulo msitho.
UZondani noyinzalelwane yaseLujecweni, eNgqeleni, waqala ukuzibandakanya nomculo esemncinane, njengoko ekhulele enkonzweni, nekulapho isakhono sakhe sokucula sathi sagqama khona. Ukanti nasesikolweni uqhubile wazibandakanya nomculo. Ngonyaka ka2010, le mvumi yaqala ukusebenza njengeBacking Vocalist eThekwini, eGoli, eKomani, kunye naseMonti.
“Ukuphumelela kwam ezi mbasa kuthetha lukhulu kum, ingakumbi ndingumntu ophuma kwidolophu engajongelwanga ntweni, nencinane njengeNgqeleni. Kuyandivuyisa oku ngoba ndiqinisekile ukuba nabo bebengenathemba, bayakutsho baphakame bazivuthulule,” utshilo uZondani.
Kungoku nje uZondani unamacwecwe amathathu naquka kuwo elithi Zundithwale (2010), Uzophendula moni (2015), nelithi Thandazeka Thixo (2020). Ukanti kwinyanga yoMdumba, kulo nyaka ka2024, uZondani uphumelele imbasa yeBest Female Artist, nebiyeyokuqala ngqa, kwiEastern Cape Music Awards, nezazibanjelwe eMonti.
Le mvumi ichaze lo nyaka ka2024 njengonyaka othe wabonakalisa ukuba yonke into inexesha layo esekelwe lona nguBawo.
“Lo nyaka undikhumbuze amazwi athi, ‘When the time is right, I, the Lord, will make it happen’, kungoko ke simele ukulinda kuThixo ukuze asivuse lakufika ixesha lethu,” utshilo uZondani.
Nakuba indawo azalelwe kuyo uZondani, eLujecweni ikwidolophana encinance iNgqeleni, ukholelwa ukuba italente ikhona, kodwa ngenxa yokunqongophala kwenkxaso nolwazi, uluntu lugqibela lutyhafa, luyeka naloo maqela omculo beluziqalele wona.
UZondani ubambe ngazo zozibini kwabo bathe bamxhasa ekuqaleni kwakhe umculo, nangokumvotela, nekuquka usapho lwakhe, abathandi bomculo wakhe kwiidolophu athe wafikelela kuzo, kwiirenki ebecela kuzo iivoti, kuquka namabandla athe amxhasa.
Le mvumi isebenze noEric Lothe, weLothe Music Production, ukanti sele ekhe wabelana ngeqonga neemvumi ezininzi zeli phondo leMpuma Koloni.
Ukanti uZondani ukwathe, kwabo abathembise umbhiyozo wempumelelo yakhe eLuxolweni Community Hall, elo dinga, lisekhona, kwaye lingomhla we6 kweyoMnga, nalapho iimvumi zakwabelana naye ngeqonga.
Related Topics: