Umdlali kamabonakude ongasekhoyo uSello Motloung. Umfanekiso: Artist Connection
Abezobugcisa eMzantsi Afrika bazilile kwakhona ngokulahlekelwa ngomnye wabo. Usapho lomdlali kamabonakude uSello Motloung, 54, luqinisekise ukuba uMotloung ubhubhe ngeCawe kule mpelaveki iphelileyo.
Kwingxelo epapashwe yiActor Spaces, ithe, “Sikhathazekile kakhulu ukunazisa ngokusweleka ngesiquphe kukaNtate Sello Motloung ngeCawe yomhla we15 kweyoMsintsi.
“Usapho lwakhe lothukile kwaye sicela ukuba nibanike ixesha lokuba bodwa. USello uya kuhlala ekhunjulwa njengelinye lamagqala ethu kwaye siya kumkhumbula kakhulu.”
Lo kaMotloung uvele kwimidlalo kamabonakude eliqela kunye nemiboniso bhanyabhanya equka, iRing of Lies, Backstage, Mamello, Blood Psalms, Happiness Is a Four-letter Word, ukubalula ezimbalwa.
Related Topics: