IScandal! ngoku idlala ngoMvulo ukuya ngeCawa kwi-e.tv. Umfanekiso: e.tv
Umdlalo kamabonakude iScandal!, sele uneeveki ezimbini uboniswa kumabonakude nangeempelaveki, nto leyo yenza lo mdlalo ube udlala iintsuku ezisixhenxe ngeveki.
Oku kulandela isibhengezo esithe senziwa yi-e.tv kule nyanga kaJulayi malunga nokongozelelwa kwempelaveki ukutsala umdla wabathandi balo mdlalo, ngethemba lokonyusa amanani.
IScandal! songezelele uMgqibelo neCawa kwiintsuku esibonisa ngawo lo mdlalo kumabonakude. Ukanti ixesha lona alikatshintshi, nanjengoko rhoqo ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe (19h30) kwi-e.tv lo mdlalo usaqhuba uboniswa.
Olu tshintsho ludalwe lukhuphiswano ngqo olubangelwe ngumdlalo kamabonakude iSkeem Saam, nesathi satshintsha ixesha, sisuka kwicala emva kwentsimbi yesithandathu malanga (18h30), ukuya kwicala emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa (19h30) kwiSABC 1. Olu tshintsho lubangele abathandi beSkeem Saam neScandal! bazibone kumele bekhethile umdlalo okumele bawubukele phakathi kwale midlalo mibini.
IScandal! ngumdlalo kamabonakude osele uqhube ngaphezulu kweminyaka engamashumi amabini (20), kwaye ubukade uyeminye yemidlalo kamabonakude ebinamani aphezulu ababukeli.
Lo mdlalo waqala ukuboniswa kumabonakude kwinyanga yokuqala, kunyaka ka2005 kwi-e.tv, nalapho wawuboniswa ngentsimbi yesibhozo (20h00) ngokuhlwa.
Ukutshintsha kwexesha lomdlalo kamabonokude iSkeem Saam ngoMatshi kulo nyaka, kubangele ukhuphiswano oludale ukwehla kwamanani angangesigidi sababukeli bomdlalo iScandal!.
Umbuzo ngowokuba ingaba lo mdlalo iScandal! wenze esona sigqibo sinokubatsalela ababukeli na ngokwengeza iintsuku, okanye udinga ukutshintsha ixesha?