Umdlalo kamabonakude nosele uqhube ngaphezulu kweminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ufikelele esiphelweni kule veki ngoLwesibini.
Ukuphela kwalo mdlalo kothuse abathandi bawo, nanjengoko kungakhange kubekho silumkiso soko. Isiqendu 103 kwisizini ye25 ibe sesokugqibelo nesithe sadlalwa nguSABC 2 ngoLwesibini. Abaninzi bebebuza umbuzo wokuba, ingaba mdlalo mni oza kuthi ungene endaweni yoMuvhango.
Emva kokuphela kwesi siqendu somdlalo uMuvhango ubhale kuX umbhalo othi, “Isiphelo soMuvhango, siyabulela ngokubukela yonke le minyaka.”
Lo mdlalo wolwimi lweTshivenda wathi wadlala isiqendu sawo sokuqala kuTshazimpuzi kunyaka ka1997, nalapho wawudlala isiqendu esinye ngeveki, nekwathi kamva yazintsuku ezintlanu ngeveki.
UMuvhango wathi wavelisa abadlali abafana noGabriel Temudzani, obedlala indawo kaNkosi Azwindini, uDingaan Khumalo, obedlala indawo kaJames Motsamai, Lindiwe Chibi, owayedlala indawo kaDoobsie, kwakunye noMcdonald Ndou obedlala indawo kaKK Mulaudzi.
UMuvhango ngomnye wemidlalo kamabonakude ebibukelwa zizigidi zabantu. Nakuba abathandi balo mdlalo besothukile zezi ndaba, abanye bakwazile ukuncoma indima entle edlalwe ngulo mdlalo, nobufundisa kakhulu uluntu loMzantsi Africa ngamasiko nesithethe sakwaVenda.
Lo mdlalo ngowesibini osele edlale ithuba elide, ukupheliswa, nanjengoko kunyaka ophelileyo abathandi be7de Laan bethe bavalelisa kulo mdlalo. Noko kunjalo i7de Laan yona yathi yanika abathandi balo mdlalo isilumkiso ngokukhupha umbhalo, kwanokuvalelisa ngeziqendu zakudala ezithile zalo mdlalo.
UMuvhango ngumdlalo kamabonakude obhalwe ngumakhwekhwetha uDuma ka Ndlovu, ze waveliswa yiWord of Mouth.