UTandy Ncanywa ubhale incwadi ngobomi bakhe. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Owayesaya kuba ngumsasazi koonomathotholo ubhale incwadi ngobomi bakhe, nalapho engafihli makhubalo koko athe wagqitha kuko ebomini, nto leyo ubani ebenokuthi xa ethetha ‘le ndakungena nayo engcwabeni.’
UTandy Ncanywa, 57, noyinzalelwane yaseGqeberha ubhale incwadi esihloko sithi, ‘The Heart Of A Beautiful Flower,’ neshicilelwa eMelika kungoku nje. Kule ncwadi yakhe intsha neyeyokuqala, uTandy usikrobisa kubomi bakhe nalapho kungekho nto angayiveziyo.
“Ndiyibhale le ncwadi ngeenjongo zokuphakamisa olahle ithemba, kwanokubonisa ukuba nam ndingomnye wabadlule kwiingxaki ezinzima nezibuhlungu, kodwa noko kunjalo ubomi busaqhubeka, ingakumbi xa ufumana amandla okuvuka, uvuthulule, ze uphathelele uphile ubomi,” uchaze watsho uTandy.
Le nzwakazi iyichaza ukubhala kwayo le ncwadi ngento eye yalula kuyo nanjengoko ibubomi bakhe, kungakhange kudingeke ukuba enze uphando. Nakuba ingeyoncwadi iphethe ubomi bakhe obuntofontofo kuphela, njengentyantyambo yona ikhe igqame xa ikhathalelwe, ze iphinde ibune, yakungahoywa okanye xa kutshintsha iisizini, nobomi bale nzwakwazi ke bube njalo kule ncwadi.
“Abantu basibona siphangela koonomathotholo, bengazi ukuba nathi njengabantu sikhe sadibana nezona zinto zinzima nezibuhlungu ebomini, kodwa noko kunjalo saqhubeka nobomi asalahla themba okanye sinjonge emva” utshilo uTandy.
UTandy nongumntwana wokuqala kubantwana abathathu, sele ekhe wazenzela igama koonomathotholo abafana neRadio Ciskei, Ubuntu Community Radio, kunye noMhlobo Wenene.
Ungomnye woosaziwayo odandalazisa ngokungafihlisiyo ubomi bakhe, izinto omnye umntu abenokuzigcina ziyimfihlo. Nakuba wayegqibele ngonyaka ka2001 ukuphangela kunomathotholo, uTandy ube nenyhweba yokubizwa kuMhlobo Wenene ngonyaka ka2021, nalapho wathi waqhuba inkqubo yoonomngqushwana.
Kwincwadi le yakhe ukwabalisa indlela yakhe kwaba nomathotholo ediza nezizathu zokushiya kwakhe phantsi.
Ukwazichaza ke njengomntu okhululele eMdantsane, eQonce kunye naseKimberley. Ukanti ukhe wasebenza nongasekhoyo uGibson Kente, nowayesaziwa ngokuba ngumbhali wemidlalo yeqonga.
Le ncwadi iqulethe iimpendulo kwimibuzo enokuthi ubani abenayo ngale nzwakazi, nanjengoko bembalwa abanokungqina impatho-mbi, ukungakhathaleleki kwakhe nokwakhokelela ekubeni azifumane sele egula zizigulo ezifana noxinizelelo ukuza kuthi ga ngoku.
Ukhe wayiyo nemvumi kwiqela lomculo iBlack Slave Band yaseBhayi, nalapho wayeyinzwakazi ekhokelayo kweli qela lomculo.
UTandy unethemba lokuba incwadi yakhe iza kuphehlelelwa ngokusesikweni kwinyanga ka-Agasti kulo nyaka ka2024. Iinkcukacha ezithe vetshe ngolo suku, zakuthi zipapashwe xa sele usuku lusondele.
Ukanti lowo unomdla wale ncwadi angaqhakamshelana noTandy, ngokumbhalela kule imeyile: tandyncanywa@gmail.com, ukanti ixabiso lale ncwadi yiR350.