Imvumi uNomaXhosa ukhuphe icwecwe elitsha. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Kwicwecwe lakhe elitsha uNomaXhosa unengoma ethi iSolezwe neyinxalenye yeengoma azikhuphe kulo nyaka ka2023. Igama likaNomaXhosa alilitshanga kumculo wesiNtu eMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika, nanje ngoko ekhe wakhupha amacwecwe ngaphambili ukusukela ngonyaka ka2019.
“Le ngoma ithi iSolezwe ikwelicwecwe litsha lithi, Ndihlangabeze, ndiyibhaliswe yintlalo yam kwiminyaka engaphambili, emva kokunceda abantu basuka bandijikela bathi ndilisela, ngoku ndithi lizongena iSolezwe sanundibiza ngobusela,” kucacisa uNomaXhosa.
Kwicwecwe elithi Ndihlangabenzeni uthi ucenga izihlwele noluntu lakowabo ukuba lumncedise lumhlangabeze kwimpilo yakhe yokuculela isizwe.
“Igama lam ndinguSisanda Funda, ndiyimvumi yomculo wesingqi sakwaNtu, ikhaya liNtshinindeni eNgcobo, emculweni ndaziwa ngegama elithi NomaXhosa,” uhambisa atsho.
Inyanga yoMsintsi yinyanga yokuqwalasela nokunika imbeko kwinkcubeko, imveli nezinto ezililifa kuluntu.
“Ngo2019 ndikhuphe icwecwe lokuqala, ndaza ndaphinda ngo2021 ndakhupha elinye icwecwe, eli lithi Ndihlangabeze ndilikhuphe kwiveki ephelileyo, litsha,” kutsho uNomaXhosa.
Ukungathengiseki komculo yeyona ngxaki inkulu imvumi zeli ezijongene nayo, oku kusenziwa kukungenelela ngamandla kweTekinoloji entlalweni. “Amacwecwe wam amabini angaphambili akukhange kubelula, nje ngamntu ophila ngenkolo yeMveli, kweli icwecwe kulapho ndicela khona kubantu abadala ukuba bandincedise,” utsho uNomaXhosa.
Icwecwe lakhe elitsha liqulethe iingoma ezilishumi elinesine zikhokelwa yingoma ethi Ndihlangabeze. “Elokuqala icwecwe liphume ngoDisemba ngo2019, emva koko kwabe sele kufika isifo seKhorona, izinto zanzima kakhulu emva koko,” kuthetha uNomaXhosa.
Uthi unalo ithemba lokuba icwecwe lakhe elitsha lizakwenza ngcono xa lithelekiswa namacwecwe amabini angaphambili.
“Umahluko ndiwubone kweli lesibiini, noko akufananga neli lokuqala, nangoku ndisaqhuba ngalo,” utsho.
Uthi inyanga yoMsintsi iqulethe amathuba amahle kubo bezimvumi nanje ngoko kukho imisitho yenkcubeko eqhubekayo. “Ndizakuqalisa ukusebenza ngeli litsha kwimisitho yale nyanga yoMsintsi,” uzithembisa ngelo uNomaXhosa.
Iimvumi zomculo wesiXhosa zisoloko zitsala nzima ngenxa yokungafumani nkxaso kuRhulumente nakuluntu ngokubanzi. “Sicela inkxaso kuluntu lonke ngokuthenga umculo wam, uyafumaneka kumakhasi onxibelelwano, ukanti xa uthe wanomdla unganditsalela kwezi nombolo 078 1222 950,” utsho uNomaXhosa.