Imvumi yaseMpuma Koloni iza kubamba umsitho wayo wesibini eRhawutini ngomhla we-7 kwinyanga ezayo kweyeDwarha, nobizwa iThetha nabo Experience.
IThetha nabo Experience ngumsitho apho iimvumi zabelana ngeqonga, zisonwabisa uluntu.
Umsunguli walo msitho uZitulele Luyanda noyinzalelwane yaseS’khaleni, eMqanduli yimvumi nomfoti osele ezenzela igama eRhawutini. Kutshanje ukhuphe iEP yakhe eneengoma ezisibhozo nebizwa Thetha nabo, nalapho asebenze nemvumi eyaziwayo eMzantsi Afrika uZukoSA.
“Ukukhupha kwam le EP ibe ngamava kum okokuqala. Ukanti iThetha nabo Experience ayikho ngomculo nje kuphela, koko sisikhumbuzo sokuba ubani ayazi ukuba kwiinkxwaleko agqitha kuzo ukhona umntu ozimisele ukumamela nokunceda, inganguThixo okanye omnye umntu,” utshilo uZitulele.
Le mvumi iqale ukuthanda umculo isencinane, waze umdla wayo wanda yakufika eRhawutini ngo-2015.
“Umdla womculo yinto endikhule ndinayo emva ekhaya, nalapho ndandide ndicule nasemitshatweni. Ndikwaphuma kwikhaya apho abazali ingabefundisi, nto leyo indenze ndiqhelane nomculo ndisemncinane kakhulu,” utshilo uZitulele.
Ukwathe umculo wakhe uncamisa umxhelo, kwaye ukwazisa ithemba kwabo balilahlileyo, ukhuza udlame, ze uphilise neentliziyo ezaphukileyo. Le mvumi ibhala umculo ngentlalo yoluntu nezinto egqithe kuzo ebomini.
“Singabantu bomoya, kufana neemvumi endikhethe ukusebenza nazo kulo msitho. Nikhangele abantu abanokusebenza nam kulo myalezo endifuna ukuwugqithisa eluntwini,” utshilo uZitulele
Lo msitho iThetha nabo Experience uza kubanjelwa eBraamfontein. Kwiimvumi eziza kutsholoza kulo msitho ziquka uZukoSA, 047, Sbu Mbangeni, Dedication ZA, Deejay Soso, kwakunye nabanye.
“Sinethemba lokuqhubeka neThetha nabo Experience kuzo zonke iidolophu zephondo iGauteng nangaphandle. Sikwaneenjongo zokufikelela eKapa naseMpuma Koloni kunyaka ozayo,” wongeze ngelo uZitulele
Amatikiti ayafumaneka eQuicket kwi-intanethi (online), kwaye axabisa iR70. Ukanti kwabo bayakuthi basokoliswe bubuxhakaxhaka bale mihla xa bethenga amatikiti kwi-intanethi, bangatsalela ezi nombolo 0789086299 okanye 0678352713 ukuthenga amatikiti.