UZimasile ‘Zim’ Ngqawana.
Abalandeli nabathandi bomculo wejezi eMzantsi Afrika nakwiMpuma Koloni balazi kakuhle igama lika Zimalisile Ngqawana oyinzalelwane yaseGqeberha xa kuncokolwa ngomculo.
Igalelo lakhe kwingxowa yenkcubeko ngomculo kweli licace kakuhle ukusukela oko waqala ukuthanda umculo wejezi. Ingoma yakhe ethi ‘Mayenzeke intando yakho’ yenye yengoma eziphambili ezithe zamenzela igama lo mfo waseGqberha kumaqonga omculo wejezi.
UNgqawana uzelwe ngeKrisimesi ngonyaka ka1959 ezalelwa eNew Brighton eGqberha eyaziwa kakuhle ngomculo wejezi nezinye iindidi zomculo. Uqale ukuqaqamba engomeni esemncinci ecula kwimicimbi yasekuhlaleni, uthe kamva wafunda izixhobo zomculo ezifana nefluthi. Ngenxa yemeko yeloxesha uNgqawana akazange asigqibe isikolo, kodwa kamva wayakufundela umculo kwiYunivesithi yaseNatala.
Emva koko italente yakhe yabhaqwa ngamagxibha womculo wejezi afana noMax Roch noWynton Marsalis baseMelika. La madoda anceda uNgqawana ukuba afumane indlela yokuya kufunda kwiYuniveisithi yaseMassachusets.
Oku kwamnika ithuba lokuba agudlane namagxalaba nezangxa zejezi ezifana noArchie Shepp kwakunye noYusef Lateef. Eli lelona thuba lavula iingcango zikaNgqawana kumculo wejezi kumgangatho wehlabathi.
Ubuyele kweli ngo1990 waza wafumana ithuba lokusebenza noompondozihlanjiwe bejezi abaquka uAbdullah Ibrahim kwakunye noHugh Masekela. Ngo1993 uvuthele ixilongo lakhe edlalela amaDatshi eTilburg Festival edlala noPaul van Kemenade.
Kumcimbi wokumiselwa koMongameli wokuqala wentando yesininzi kweli uNgqawana wanikwa iwongo lokukhokela iqela lePeace Orchestra. Emva koko utyelele iindawo ezininzi kwilizwe laseYuropu edlala kumaqonga ahlukeneyo, waza waqalisa ukukhupha amacwecwe wakhe elandelelana.
Amanye wamacwecwe wakhe aphambili ngeli xesha aquka iSan Song, Zimology, Zimphonic Suites namanye.
Ingoma yakhe ethi Qula kwedini, Kukude Bhofolo noMayenzeke intando yakho zezinye ezimenzele igama kumculo wejezi. Kwingoma yakhe ethi Mayenzeke intando yakho iphuhlisa ngamandla imvakalelo yakhe ngobuThixo.
Ngonyaka ka2004 uNgqawana wacelwa yiLincoln Centre Jazz Orchestra eNew York ukuba bavelise ingoma ethi ‘Let Freedom Swing’ eli yayiligalelo lakhe kwinkqubo yamalungelo oluntu kweli.
Ngonyaka ka2011 wahlaselwa sisifo sokufa icala elungiselela ukucula eWits Great Hall, ngenxa yoko waquleka phantsi. Wabalekiselwa eCharlotte Maxeke Academic Hospital eRhawutini, ngomhla weshumi kwinyanga kaCanzibe ngo2011 walishiya eli nelo lifa lengoma.