UAmi Faku ngomnye weemvumi eziza konwabisa uluntu kwiEbubeleni Fashion Week eGqeberha. Umfanekiso: Instagram.
Iyabuya kwakhona kulo nyaka wayo wesibini iEbubeleni Fashion Week, kulo Mgqibelo, eBoardwalk ICC, eGqeberha.
Lo msitho uza kongeza ubukhazikhazi kwimibhoyozo yamanina kule nyanga yawo, phantsi komxholo othi ‘Royalty – We are African’.
“Sinqwenela ukufaka isandla ekukhuthazeni uyilo olwahlukahlukeneyo eGqeberha ingakumbi kwifashoni. Lo nto izakuthi inike abayili bempahla abasakhulayo ithuba lokuzibonakalisa kwanokutsala umdla kubatyali mali kweli lizwe naphesheya,’ utshilo uBusisiwe Nxele, onguMphathi weProjekthi.
Lo msitho linyathelo lenkampani engenzi nzuzo iEbubeleni Festival Projects, eyasekwa ngo2019, ukuphuhlisa ishishini lobuGcisa, iNkcubeko kunye neFashoni eGqeberha kuquka neMpuma Koloni iphela. Ukanti lo msitho uhlakulela umsitho weEbubeleni Festival ngoDisemba, nobanjwa minyaka le.
“IMpuma Koloni inabayili befashoni abasakhulayo abanesakhono ingakumbi abo bathweswe izidanga eyunivesithi kodwa bayaphoxeka ngenxa yokungafumani ndawo ukuze babonise imisebenzi yabo, baphele beyishiya iGqeberha ukuya kukhangela amadlelo aluhlaza kwizixeko ezikhulu ezifana neRhawuti neKapa. Sinabayili ababethabathe inxaxheba kumboniso wethu wokuqala wefashoni nabatsala umdla de bafumana ithuba lokuyila iimpahla zeGqeberha The Empire, nesizidlayo ngabo”, utshilo uBusisiwe
Balishumi abayili abaza kubonisa ngemisebenzi yabo kulo msitho omxholo uthi ‘Royalty – We are African’, ukanti noluntu oluza kuzimasa lo msitho lukhuthazwa ukuba lulandele umxholo ngendlela eliwutolika ngayo.
U-Ami Faku oyimvumi yoMzantsi Afrika nenzalelwane yaseGqeberha ngomnye wabo bazokonwabisa kulo msitho, kuquka noZuko SA.
IEbubeleni Fashion Week ka-2023 ixhaswa yiNational Department of Sport, Arts & Culture; Sun Boardwalk; Mandela Bay Development Agency; Coega Development Corporation; Bluewater Bay Sunrise Hotel; Tramways Building kunye neEbubeleni Festival Projects NPC.
Amatikiti axabisa iR500 eWebtickets, kwaPick n Pay nakwiivenkile zakwaBoxer, itikiti liquka okusiwa phantsi kwempumlo.
Iingcango zivulwa ngentsimbi yesihlanu emalanga, uqale umcimbi ngentsimbi yesithandathu emalanga.