Umdlalo weqonga iGqeberha: The Empire ezinze eGqeberha eMpuma Koloni.
UM-Net uwakhabile amarhe okuba iGqeberha: The Empire ifikelela esiphelweni emva kwesizini enye. La marhe asasazeke kumakhasi onxibelelwano emva kweengxelo zokuba inkampani yemidlalo kamabonakude, iTshedza Pictures, ejongene nalo mdlalo weqonga ityholwa ngokungaququzeleli kakuhle indawo yokuhlala yabadlali kwanezothutho. Kukwakho neengxelo zabadlali beqonga abangatyi kwiseti kunye nemivuzo enganelanga.
Nangona kunjalo, ijelo loMzantsi Afrika, iM-NET lize ngaphambili kwaye laveza iinjongo zalo ngekamva lalo mdlalo weqonga kumabonakude wethu. “Ijelo lingangqina ukuba iGqeberha: The Empire ihlelelwe ukuba ihlale emoyeni kangangexesha elizayo. Ziyaqhubeka izicwangciso zesizini ezayo, iinkcukacha ezithe vetshe ziza kuchazwa ekuhambeni kwexesha,” itshilo iM-Net kwingxelo.
Le ngxelo iqhube yathi: “IMzansi Magic isandokwaziswa ngezityholo zokuphatha kakubi abadlali, sizithathela phezulu izityholo ezinje kwaye sizakuqhagamshelana nenkampani evelisa lomdlalo kamabonakude ukuze siqinisekise kwangokunjalo.”
Lo mdlalo weqonga uzinze eMpuma Koloni uqale kulo nyaka ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kweyoMqungu, ungena endaweni kaThe Queen kuMzansi Magic. Imalunga nendoda ebonakala inako konke: usapho, uthando, imali, amandla, uzuko nentlonipho. Lo mdlalo weqonga ulandela imixholo yothando, ukungcatshwa, isithembu kunye nomona, ngokusebenzisa abalinganiswa ababukeli baya kunxulumana nabo.
Lo mdlalo weqonga yitelenovela yokuqala kuMzansi Magic eqhutyelwa eMpuma Koloni. Ibingeyombali yeli phondo kuphela kodwa ibilithuba elihle lokwandisa ishishini likamabonakude nemiboniso bhanyabhanya, ukongeza kuqoqosho nokutsala ezinye iinkampani ezivelisa imiboniso bhanyabhanya neenkqubo zikamabonakude ukuba zishutelwe kweli phondo.
Iyakuba ziindaba ezimnandi kubathandi balomdlalo weqonga ukwazi ukuba iM-Net isenazo izicwangciso ezingaphaya kwesizini enye. Udumo lwalo mdlalo weqonga lubonakala ngababukeli abangaphaya kwama-640 000 abebebukele lo mdlalo kwinyanga ephelileyo.