UHugo Broos ngumqeqeshi waBafana Bafana.
Image: Backpagepix
Njengokuba abadlali begxeleshe ukufumana iindawo kwiqela lesizwe eliza kuya kwiAfrica Cup of Nations nakwiFIFA World Cup, indawo kaThembinkosi Lorch ayikho.
Oku kuthethwe nguHugo Broos namhlanje ngethuba esazisa amagama abadlali phambi komdlalo wobuhlobo ophakathi koMzantsi Afrika neZambia kwiveki ezayo eGqeberha.
Sekulithuba elide uLorch edlala kakuhle kwiWydad Casablanca ayincede nakwiClub World Cup - kodwa yena akanikwa ithuba lokudlalela ilizwe lakhe ngoba uBroos uthi mdala.
ULorch uneminyaka engamashumi amathathu anesibini. Kukho uZwane ulindwe yindawo yakhe noxa enethuba elide engadlali kwiMamelodi Sundowns ngenxa yokonzakala.
Namhlanje ubuziwe umqeqeshi ukuba kutheni engambizi uLorch odlalela iqela eliphezulu eMorocco. "Kuyanyanzeleka ukhethe xa ungumqeqeshi," utshilo uBroos ecacisa.
"ULorch ebekhe walidlalela iqela lesizwe kwiminyaka emithathu eyadlulayo eMorocco. Wayeqhuba kakuhle kwiPirates - kodwa zange adlale kakuhle kwiqela lesizwe," utshilo uBroos.
"Ndamlandela esekwiPirates wabe engadlali kakuhle. Waya kwiSundowns ngoba uRulani wayemfuna. Emva kweenyanga ezimbalwa zange adlale. Ngoku udlala kakuhle eMorocco.
"Kodwa kufuneka kujongwe iminyaka yakhe. Ndiyaxolisa, andikwazi ukumthatha ngoba mdala. Ukuba ebekhona amathuba, mhlawumbi bendinokumthatha.
"Kwenzeka lo nto kuTemba Zwane. Ndabuyela kuZwane kanti ndenze into elungileyo. Kodwa uLorch akanayo indawo xa ndijongile. Andinaso isizathu sokumchonga," utshilo uHugo Broos.