UVusumuzi Vilakazi, ongumqeqeshi weChippa United, ethokombisile emva komdlalo eBuffalo City Stadium, eMonti.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Izinto azide zihlangane kakuhle kwiChippa United. Zintathu iinyanga izama ukusukela oko kwaqala isizini eqhubekayo. Nangona abaphathi beChippa United sebetshintshe abaqeqeshi kane kule sizini - kodwa into engaguqukiyo yindawo ekuyo kwiBetway Premiership.
Ayibaphathanga kakuhle le nto abalandeli bebhola ekhatywayo kwiphondo leMpuma Koloni ngoba yiChippa yodwa ekwaziyo ukubaphathela imidilo emikhulu. Emidlalweni emibini egqithileyo phantsi kukaVusumusi Vilakazi, iqela likaSiviwe Mpengesi alikaphumeleli namnye umdlalo.
Nangona kunjalo, kukhona ukuphucuka kwendlela elidlala ngayo ebaleni. Kuyo yomibini imidlalo egqithileyo, iChippa idlale ibhola entle eyaziwa ngayo kwibhola ekhatywayo ebithande ukungacaci ngethuba kuqeqesha uLuc Eymael okhonjwe emnyango kwinyanga ephelileyo.
Inye jwi ingxaki yeChippa ecace gca: kukungabinawo komdlali onokufaka amagowuli. Emva kokudiliza abadlali abanamava ekupheleni kwesizini egqithileyo, iChippa iphinde yabuyisa uBienvenu Eva Nga, yafumana uHarold Majadibodu, uSomila Ntsundwana noRuzaigh Gamildien.
Ifumene inqaku elinye iChippa United emva kokubambana neMagesi ngeqanda emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium, eMonti, ngoLwesibini wale veki.
Noxa umdlalo ubungenawo amathuba amaninzi - kodwa iChippa ayikwazanga ukusebenza amathuba engeyinike amanqaku amathathu kuyo yomibini imidlalo edlalwe eMonti. UVilakazi uvakalise ukungonwabi kwakhe ngenxa yala nto - kodwa wathi yinto ekufuneka azame ukuyisebenza phambi kokuya kwiOrlando Pirates emdlalweni olandelayo.
"Siyazama ukudlalela ukufumana iziphumo ezihle, qha ingxaki esinayo kukungadlali kakuhle phambili. Xa sizama ukuvala emva, abantu bayalibala ukuba kufuneka behlasele. Sisuka emdlalweni esibethwe kuwo ngamagowuli amathathu, bekubalulekile ukuvala kungafakwa gowuli kuthi.
"Kodwa kwangaxeshanye bekubalulekile ukufumana into. Ukuba besikwazile ukusebenzisa amathuba ambalwa esiwafumeneyo, ngesithetha enye into," utshilo uVilakazi ekufuneka alungise iChippa eza kudibana nePirates emdlalweni ozayo.