Amaqela amane aza kube esilwela ukuzibekela iindawo emdlalweni wokugqibela weBrutten ngempelaveki.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Emva kokuqala kwesizini amaqela elishumi kwiBrutten 10, ngoku kushuyeke ibathwala lamaqela amane kuphela. Oku kwenzeke emva kokukhiqana kwawo emidlalweni eqingqithe iiveki ezintlanu zonke.
Amaqela ombhoxo ashiyekileyo kwiBrutten ngala: yiYoung Leopards, iBuffs, iFB United neWSU All Blacks. La maqela omane aza kuxikixana emidlalweni emibini ekulindeleke itsale umdla wabantu abaninzi eSisa Dukashe Stadium ukusukela ngentsimbi yokuqala ukuya kwintsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo.
Umdlalo oza kutshayelela uphakathi kweYoung Leopards neBuffs. Ngumdlalo oza kunika umdla kakhulu ngoba kuza kube kudibana amaqela azimiseleyo futhi adlala umbhoxo obukekayo. Omabini aza kulwela ukuya emdlalweni wokugqibela.
Inamava iLeopards ngoba yisizini yayo yesibini le kwiBrutten eqalwe kunyaka ophelileyo. Kodwa iBuffs efikayo ifuna ukwenza imbali kwisizini yayo yokuqala. Nokuba leliphi iqela elikwazileyo ukuphumelela, liza kwenza umdlalo wokugqibela ube semgangathweni ophezulu.
Emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu kudibana iFB United neWSU All Blacks ngentsimbi yesithathu. Ngooxholovane bamaqela embhoxweni waseMpuma Koloni. Emva kokuwa kukaSive Tshaka ohlatywe kwiiveki ezigqithileyo, iFB United iza kuya emdlalweni ifuna ukuwonga ngokwenza kakuhle kuba ebengumdlali wayo ophambili.
Yinto ephambili kwiFB United ukuqhuba kakuhle ngoba ibiqhuba kakuhle nakwiSuper 14 ekuqaleni konyaka. Kodwa kufuneka abadlali bayo bazimisele ngoba baza kudibana neqela eliyingozi. Uxinizelelo likwiWSU All Blacks kule sizini ngoba ayikwazanga ukuthatha inxaxheba iFort Hare University ebiziintshatsheli zonyaka ophelileyo kwiBrutten.
Abantu abaninzi balindele kuphumelele iWSU All Blacks ngoba idlale kakuhle kwitumente yonke. Ngaphezulu, inabo abadlali abanokuyinceda iphumelele indebe yeBrutten ekhatshwa ngamashumi amathathu amawaka eerandi (R30 000) okokuqala. Ukuphumelela kwayo kwakuyinceda kumalungiselelo wemidlalo yeeyunivesithi ekunyaka ozayo.