Ezemidlalo

UMandla Mashimbyi uthi liqaqambile ikamva leqakamba yamantombazana

Pedro Mapelo|Published

Abadlali beqela lesizwe loMzantsi Afrika bedlala neNgilane emdlalweni wetumente yehlabathi.

Image: X / PROTEAS WOMEN

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba lakufumana elinye ithuba lokuphumelela indebe yehlabathi emva kweminyaka eliqela ezayo emva kokuphanza kweenzame zalo kwiveki ephelileyo.

UMzantsi Afrika uguqiswe phantsi ngamaNdiya ngemitsi engamashumi amahlanu anesibini (52) emdlalweni obuseDY Patil Sports Complex, eNavi Mumbai, kwimpelaveki egqithileyo. Nakubeni izinto zingahambanga kakuhle, uMandla Mashimbyi ukholelwa kwelokuba ikamva leqakamba yamantombazana liqaqambile kakhulu.

Okubi kakhulu ngokubethwa koMzantsi Afrika ibe kukuphasalaka komsebenzi omkhulu owenziwe nguLaura Wolvaardt onguKapteni. Nasemdlalweni wokugqibela ukhutshwe enemitsi engaphaya kwekhulu (101), into ayenze amatyeli amaninzi kwitumente yehlabathi.

"Indlela akhule ngayo emdlalweni weqakamba uLaura iyancomeka. Ulikhokele kakuhle iqela ngoba womelele futhi unetalente emangalisayo. Yiyo le nto ndisithi iqela lesizwe loMzantsi Afrika liza komelela ngokuhamba kwexesha," utshilo umqeqeshi emva kwetumente.

Emva kwenkqubela ayenzileyo uMashimbyi, uthi uqinisekile ukuba iqela lakhe liza kuyizuza impumelelo kwilixa elizayo. "Iqela esinalo ngoku lakube lomelele ngakumbi. Ndingatsho ukuba siza kuphumelela kwitumente yehlabathi elandelayo," utshilo uMashimbyi ngokukhulu ukuzithemba.

Itumente yehlabathi imnike ithuba elihle lokufuthelana nabadlali bakhe watsho wabazi ngcono. Uthe uziphawule iindawo ekufuneka ziqiniswe eqeleni lakhe xa lisiya kwitumente enkulu njengeyehlabathi asuka kuyo neentombi zakhe.

"Xa abantu bonwabile, bephetheke kakuhle kuye kubelula ukwenza umsebenzi ofana nowenziwe ngamantombazana wethu. Ubungqina bucace gca kwindlela esidlale ngayo kwitumente yonke. Okwethu kukwamkela ukuba belingekafiki ixesha lethu.

"Kufuneka siqinisekise ukuba silungiselela ukuzama kwakhona kwezayo," utshilo umqeqeshi. UMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, ubaqhwabele izandla abadlali abenze umsebenzi omhle kwitumente yehlabathi.