UVusumuzi Vilakazi ngumqeqeshi oyintloko weChippa United ehleli emsileni kwiBetway Premiership.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Emva kwamashumi alithoba omdlalo, akubangakho qela elivumileyo ukubethwa eMonti. Oku kwenzeke emva kokuba iChippa United ibambene neMagesi FC ngeqanda emdlalweni weBetway Premiership obanjelwe eBuffalo City Stadium namhlanje.
Abekhona amathuba ambalwa - kodwa omabini akakwazanga ukuwasebenzisa. Kwenziwe iinguqu ezimbalwa namhlanje kwiChippa. UVusumuzi Vilakazi ukhethe ukuqala umdlalo ngefolosi efikayo, uRuzaigh Gamildien. Abanye abadlali abaqaphelekileyo nguAzola Matrose noThabang Molaoa.
Umdlalo uqale ngezinga eliphantsi futhi kubonakala ukuba akangxamanga. Ihlasele kuqala kodwa iChippa United engene emdlalweni iphantsi koxinizelelo emva kokubethwa emdlalweni obungempelaveki apha eMonti.
Ekuhambeni kwexesha abadlali baye baswabuluka bahlaselana ebaleni ebelinembijana yabantu. Iindwendwe zinkqonkqozile ezipalini zikaStanley Nwabali amatyeli aliqela noxa zingakwazanga ukwenza ingozi. Ngaphezulu koko, iMagesi izifumene iikona engazisebenzisanga.
Phambi kokusongwa kwesigaba sokuqala, uElvis Chipezeze uye wanyanzelwa ukuba achithe ibhola embi iChippa United ikhangela igowuli. Ithuba engelitshintshe umdlalo leliyekwe nguGamildien okhabele ibhola ecaleni uChipezeze elele ngecala.
Oku kwenzeke emva komsebenzi omhle owenziwe nguSirgio Kammies kwicala lasekunene. Kubekhon ukufunquka komdlalo kwisigaba sesibini. Iquqe ibuyelela iChippa United ezipalini zeMagesi - kodwa iinzame zabadlali bayo azizelanga mathokazi ngoba uChipezeze ebethe qwa ezipalini.
Ibhola entle ebikhatywe nguMazola ingqandwe yipali imshiyile uChipezeze kwisigaba sesibini. Umdlalo uphelile kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini.