UVusumuzi Vilakazi kuthiwa uza kubuyela kwiChippa United emva kokugxothwa kukaLuc Eymael.
Image: Facebook
Iindaba ezivakalayo zithi uVusumuzi Vilakazi angabuyela kwiChippa United kwakhona. Ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweChippa emidlalweni egqithileyo, kuthiwa abaphathi bagqibe kwelokuba bamchithe uLuc Eymael ababenethemba lokuba uza kuzinzisa inqanawe ezike isizini isaqala.
ULuc Eymael wathatha iintambo buphuthuphuthu emva kokugxothwa kwabaqeqeshi ababini. Owokuqala owakhonjwa emnyango yaba nguSinethemba Badela emva kokuqeqesha iChippa United emidlalweni emibini kuphela.
Abaphethe iChippa zange basichaze isizathu sokugxothwa kukaBadela owayengumqeqeshi oyintloko. Kuthiwa wagxothwa kuba engazange avane noSipho Mali, ongumphathi, ngabadlali abathile awayebafuna.
UNyatama wakhatyelwa ngaphandle emva kokubethwa emdlalweni omnye. Kwagaleleka uEymael ophumelele umdlalo omnye jwi emidlalweni esixhenxe. Ukubethwa kweChippa ngo'4-1 yiRichards Bay emdlalweni weCarling Knockout Cup nokubethwa yiMarumo Gallants kucacise gca ukuba akukho mahluko oza kwenziwa nguLuc Eymael waseBelgium.
Ngoku kuthiwa abaphathi bazama uzisa uVilakazi oza kumiliselelwa njengomqeqeshi. Oku kuqiniswa naziindaba ezithi uVilakazi uvalelisile kubadlali bakhe kwiKruger United kule veki.
UVilakazi wayekhe wenziwa umlawuli omkhulu kwiChippa ngo2023 emva kokushiya iGolden Arrows - apho wenza umsebenzi omhle khona ebambisene noMabhuti Khenyeza. Wemka emva kwethutyana kungacacanga ukuba ubethwe yintoni.
Kodwa kunokwenzeka ukuba wayefuna ukuqeqesha, hayi ukuba sesikhundleni esikude kwinto ayithandayo. Kunyanzelekile iChippa United izame ukulungisa izinto phambi kokwamkela AmaZulu emdlalweni weBetway Premiership oza kube ubanjelwe eBuffalo City Stadium ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo. Amanqaku amathathu angayiphungula umthwalo njengokuba isekugqibeleni.