Ezemidlalo

UMotsepe umbeke endaweni yakhe uMcKenzie ofaka impulo kwiingxaki zeSafa

Pedro Mapelo|Published

UPatrice Motsepe weCAF ukuchasile okwenziwa nguMphathiswa uGayton McKenzie ngomba waBafana Bafana.

Image: Facebook

Umongameli weCAF, uPatrice Motsepe, uthi unethemba lokuba uRhulumente uza kuzikhwebula kwiingxaki zeSouth African Football Association.

OkaMotsepe uzityande igila emva kokuba uMphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie, ebhalele incwadi iSafa ngelithi ufuna ukwazi inyathelo eliza kuthathwa emva kwengxaki eyaphantse yamosha indlela yaBafana Bafana eya kwitumente yehlabathi.

UMzantsi Afrika uye wathathelwa amanqaku amathathu yiFIFA ngoba wadlalisa uTeboho Mokoena enamakhadi amabini.

Emva kokuthathwa kwamanqaku amathathu, aBafana Bafana bancediswe yiNigeria ebethe iBenin, ebikwindawo yokuqala, ukuze bakwazi ukuzibekela indawo kwitumente eza kube ibanjelwe eMelika (USA), eMexico naseCanada kunyaka ozayo.

UDanny Jordaan uthe akusekho mfuneko yokubuyela emva kujongwe umntu owenza ingxaki ngoba aBafana Bafana baya kwiWorld Cup emva kokubetha iRwanda ngo'3-0 emdlalweni obuseMbombela Stadium kwiveki ephelileyo.

Utyhoboze kulo nto uMcKenzie ofaka impumlo yakhe kwizinto zeSafa. Noxa iFIFA iyamkela inkxaso kaRhulumente kwimiba ethile - kodwa akafuni angene kwimiba yebhola ekhatywayo. Inyathelo likaMcKenzie lingawubeka emngciphekweni wokusikwa uMzantsi Afrika.

"Onke amazwe ayasebenzisana nooRhulumente - kodwa ilizwe ngalinye liyayazi imida emiselweyo," utshilo uMotsepe ethetha emcimbini weSANEF obubanjelwe eGoli. "Lo mba umphathiswa athetha ngawo ngowebhola ekhatywayo, akufanelanga angene kuwo. Ndicinga ukuba nokunxulumana kwakhe neFIFA akuzutsiba ngaphaya kwendawo yakhe.

"Ndiqinisekile ukuba kwakubakho ukuxoxisana ngezinto ezitshisa ibunzi - kodwa ezo zinto akufuneki ibe zizinto ezichaphazela ibhola ekhatywayo," utshilo uMotsepe ongumongameli weCAF ityeli lesibini emva kokonyulwa kwakhe kwinyanga yoKwindla kulo nyaka.

UMcKenzie uthe ufuna ukuxelelwa ukuba kuza kwenziwani ngempazamo eyenziwayo zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe. Akukabikho lizwi eliphume kwiSafa nakwiFIFA okwangoku.