UKhanyisa Mayo noPule Mmodi bethetha neenthathi phambi komdlalo weBetway Premiership ophakathi kweKaizer Chiefs neSiwelele FC.
Image: Kaizer Chiefs
UKhanyisa Mayo noPule Mmodi bade bathetha esidlangalaleni ngempazamo eyavimba iKaizer Chiefs impumelelo. Ngomhla wokuqala kule nyanga yeDwarha, uMayo wachika ibhola isiya emnatheni elalele.
Igowuli zange libalwe ngusompempe ngoba uMayo wayephokele, yaba iChiefs iphoswa ngamanqaku amathu idlala naMaZulu emdlalweni weBetway Premiership owawubanjelwe eFNB Stadium.
UPule Mmodi zange akholwe futhi nabaqeqeshi zange bakholwe sakhe uMayo owabonakala njengomntu ofuna kwenze yena kuphela. Nangona kwakunjalo, uMayo noMmodi bathi bayiphosa kwelokulibala lo nto ngoba zizinto ezenzekayo ebholeni. UMmodi wayeza kufumana igowuli lakhe lokuqala kule sizini.
"Emva kokuphela kwesigaba sokuqala somdlalo, sathetha ngokwenzekayo ebaleni futhi ndakuxolisela okwenzekayo. Zizinto ezenzekayo ebholeni eziya. Kwenzeka l anto ngoba nam zange ndijonge ukuba kwenzeka ntoni ecaleni kwam. Sadlula kula nto emva koko," utshilo uMayo obuyele eMzantsi Afrika kwinyanga ephelileyo ngemboleko.
"Sancokola nasemva komdlalo efowunini ngokwenzeka kula mdlalo. UMmodi wakhe mandingazikhathazi ngoba zizinto ezenzekayo eziya. Savumelanga ukuba masilibale ngokudlulileyo sijonge okuzayo," ulebele ngaloo mazwi uMayo.
Emva kwakhe uMmodi waleke ungqinelene nokuthethwe nguMayo. "Njengokuba etshilo, zizinto ezenzekayo ebholeni. Ndiyamazi uMayo ukuba yifolosi ekuthandayo ukufaka amagowuli. Zange ndikufake entliziyweni okwenzekayo.
"Iimpazamo ziyenzeka futhi akukho mntu ogqibeleleyo. Siqhubela phambili nobomi ngoba ndiza kumdinga nam ngomso," utshilo uMmodi. Bakuthethe oku Amakhosi elungiselela ukudibana neSiwelele FC emdlalweni ongoLwesithathu wale veki.
Amakhosi aza kulwela ukufumana amanqaku amathathu emva kokugqwidiza emidlalweni yeBetway Premiership edlulileyo. Kanti ngempelaveki, iChiefs ilindwe ngummdlalo obalulekileyo.
Iza kwamkela iAS Simba emdlalweni wesibini weCAF Confederation Cup oza kube useDobsonville Stadium emalanga ngoMgqibelo. Emva kokubambana ngeqanda emdlalweni wokuqala, kunyanzelekile kubekho eliphumelelayo.