Ezemidlalo

Aphelile amathemba kuMzantsi Afrika oxhaywe yiZimbabwe emdlalweni obuseThekwini

Pedro Mapelo|Published

ABafana Bafana babambene neZimbabwe emdlalweni obubanjelwe eThekwini

Image: Facebook

Amathuba oMzantsi Afrika okuya kwiFIFA World Cup ambalwa emva kokuba ubambene neZimbabwe emdlalweni obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium namhlanje ngorhatya.

Oku kwenzeke emva kokuba iBenin ekwindawo yokuqala ibethe iRwanda ngegowuli elinye eqandeni. Nangona iZimbabwe idlale isigaba sesibini ingaphelelanga - kodwa ikwazile ukudlalela ukungabethwa nguMzantsi Afrika obunyanzelekile uphumelele emva kokuthathelwa amanqaku yiFIFA ngenxa kaTeboho Mokoena owadlaliswa enamakhadi amabini

Siphelile isiqingatha sokuqala kungekho qela elibhalisileyo ebhodini. UMzantsi Afrika ungene ebaleni unyanzelekile ukuba uphumelele - kodwa bekunzima ngoba iZimbabwe ibivale mba emva incedwa nguWashington Arubi odlalela iMarumo Gallants.

Bankqonkqozile aBafana Bafana izihlandlo eziliqela usebenzisa uMohau Nkota okhabe ibhola yabetha epalini, uSipho Mbule noAswin Appollis obeyinkathazo kakhulu kwicala lasekunxele. Akukho Ngozi ebinayo emdlalweni iZimbabwe ngaphandle kokuhlala emva qha.

Kwisigaba sesibini, umdlalo uye washushu ngamandla. ABafana Bafana baquqe bebuyelela emhlabeni weZimbabwe ebihleli emva. ULyle Foster uphose ithuba elihle lokubeka uMzantsi Afrika endaweni entle. Kodwa khange atyhafe amakhwenkwe kaHugo Broos.

UKnowladge Musona uphume kwangoko kwisigaba sesibini emva kokuba enikwe ikhadi lesibini elityheli. Umdlalo uphele kungekho gowuli ebhodini emva kokuba iZimbabwe ivale kwade kwasekupheleni komdlalo.