Ezemidlalo

Ushiyeke enesigqukru umqeqeshi emva kokubethwa kwaMajita kwitumente yehlabathi izolo

Pedro Mapelo|Published

Amajita abuyela ekhaya emva kokuba ebethwe yiColombia izolo.

Image: Safa

Abuyela ekhaya Amajita emva kokuba engaqhubanga kakuhle. Oku kuthethwe nguRaymond Mdaka emva kokuba ebethwe yiColombia ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weFIFA Under-20 World Cup izolo ebusuku.

Amajita abuyela ekhaya aphumelele kabini abethwa kabini kwilinge lawo lesibini kwitumente yehlabathi. Emdlalweni wokuqala abethwa yiFrance ngamagowuli amabini kwelinye. Kowesibini Amajita avuthulula iNew Caledonia ngamagowuli amahlanu phambi kokubetha iMelika ngamabini kwelinye.

Ngelishwa aye akhutshwa yiColombia edlala kakuhle kakhulu. Umqeqeshi uvumile ukuba Amajita wakhe aye onganyelwa yiColombia emdlalweni wayizolo.

"Kunzima ukwamkela iziphumo zomdlalo xa unabadlali obathembileyo. Iyenzeka ke lo nto xa uqhele ukuphumelela. Kubuhlungu ukubethwa - koddwa ke yinto yasebholeni," utshilo uMdaka emva komdlalo.

"Siqutyulwe kwangoko emdlalweni kwavele kwanzima kuthi ukudlala ngendlela eqhelekileyo. Sizamile ukuya phambili - kodwa kwabe sekonakele. Besiyazi indlela edlala ngayo, kodwa mandivume ukuba ibisilungiselele," utshilo umqeqeshi olebele ngelithi balibonisile ihlabathi ibhola edlalwa nguMzantsi Afrika.