Ezemidlalo

URaymond Mdaka uwancomile Amajita aqhuba kakuhle kwiFIFA World Cup

Pedro Mapelo|Published

Amajita adlulele kumjikelo wesibini kwiFIFA World Cup.

Image: FIFA

Umqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika labaselula, uRaymond Mdaka, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva kokwenza umsebenzi oncomekayo. Amajita enze imbali ngokuzibekela indawo kumjikelo wesibini kweFIFA Under-20 World Cup ebanjelwe eChile.

Amajita azicacisile ukuba akazizo iidyongo ngokubetha iMelika (USA) ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni wesithathu kubusuku beCawa egqithileyo. Amakhwenkwe kaMdaka aye emdlalweni ogqithileyo ekhuthazekile emva kokubetha iNew Caledonia ngamagowuli amahlanu eqandeni emdlalweni wesibini.

Umqeqeshi uthe abadlali bakhe badlale okweentshatsheli emdlalweni ogqithileyo. "Mandivuyisane nabadlali bethu. Okokuqala, ndicinga ukuba benze umsebenzi oncomekayo kakhulu," utshilo uMdaka kwiSafa.net emva komdlalo.

"Bekunzima ukudlala neMelika ebiseyiphumelele imidlalo yayo emibini ngamagowuli amaninzi. Abadlali bethu bazicacisile ukuba baziintshatsheli nyhani. Umdlalo wona ubunzima - kodwa siye savana ukuba kufuneka silwe emdlalweni. Ndonwabile ngoba baziqaqambisile ebaleni," utshilo umqeqeshi.

Indlela uMzantsi Afrika olwe ngayo ibonise ukuvutshwa komdlalo wawo. Bekunzima ekuqaleni ngoba iMelika iqale yabhakuzelisa umnatha. UMzantsi Afrika ufake amabini emva koko ngokukhawuleza. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amajita ehamba phambili.

"Bekunzima kwisigaba sesibini ngoba kunyanzeleke simelane noxinizelelo. Izamile ukusihlakaza iMelika - kodwa ibifika siyilungele. Ndifuna ukuncoma amakhwenkwe nabaqeqeshi emva komsebenzi omhle esiwenzileyo," utshilo uMdaka.

Amajita aza kudibana neColombia emdlalweni olandelayo ngorhatya ngoLwesithathu.