Ezemidlalo

Abonwabanga abalandeli beDowns emva kokukhutshwa kwiCarling Knockout Cup

Pedro Mapelo|Published

UMIGUEL Cardoso uphantsi koxinizelelo ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweMamelodi Sundowns ekhutshwe kwiCarling Cup.

Image: ITUMELENG ENGLISH

Emva kokukhutshwa kweMamelodi Sundowns kwenye indebe, abalandeli babonise ukungonwabi kwabo ngempelaveki edlulileyo.

Oku kwenzeke emva kokuba iSundowns ibethwe yiMarumo Gallants ngo'6-7 kwiipenela emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe eLucas Moripe Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.

Imizuzu engamashumi alithoba iye yaphela kongezwa eminye - kodwa khange kubekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Usompempe obephethe umdlalo uthe makuyiwe kwiipenela ukuze kubekho eliphumelelayo.

Iye yabethwa iSundowns yaba kukukhutshwa kwayo kwiCarling Cup. Ukubethwa kwayo kuthethe ukuthi iphulukene neendebe ezimbini kwisithuba seenyanga ezimbalwa. Igqibe umdlalo ingaphelelanga iSundowns ngoba umdlali wayo uye wafumana ikhadi elibomvu.

"Ewe, iSundowns asikwazanga ukufumana igowuli - kodwa umdlalo ubulawulwa sithi singaphelelanga," utshilo uMiguel Cardoso ethethela iqela lakhe emva komdlalo. Ukutsho oku nakubeni iSundowns ingakwazanga ukudala amathuba acacileyo emdlalweni.

"Ibali lebhola lilula, ngoba amanye amaqela ayakwazi ukuhlala emva akhabele phambili ibhola. Abadlali bam balwe kwade kwaphela ixesha lomdlalo. Bakwazile ukusithintela xa sihlasela - yilo nto abayenzileyo abeMarumo Gallants" utshilo uCardoso.

"Abadlali bam abakwazanga ukufumana igowuli, ndiyavuma. Kodwa silwille emva kokulahlekelwa ngumdlali. Xa usiya kwiipenela awukhalazi ngoba zihamba indlela yazo," utshilo uCardoso abamhewule okwesibini abalandeli kule sizini ngenxa yokungoneliseki yindlela aqhuba ngayo kwiSundowns.

"Yah, abalandeli bafuna impumelelo ukuze bakwazi ukubhiyoza. Kodwa okubalulekileyo kukuba wonke umntu azi ukuba abadlali balwile emdlalweni. Ukusukela ekuqaleni ukuya ekupheleni. Siqhelene noxinizelelo ngoba siyazi ukuba iSundowns imele ntoni.

"Xa ukhaba iipenela, kungenzeka nantoni na emdlalweni," utshilo uCardoso emva kokuphoswa yindebe yesibini kule sizini. UManqoba Mngqithi wagxothwa yiSundowns kunyaka ophelileyo ngenxa yokungaqhubi kakuhle isizini isaqala.