Ezemidlalo

Kutheni kukhokela uJesse Kriel endaweni kaSiya Kolisi emdlalweni ozayo

Pedro Mapelo|Published

UJesse Kriel uza kubambela uSiya Kolisi njengoKapteni emdlalweni ophakathi koMzantsi Afrika neNew Zealand ngempelaveki.

Image: Springboks

URassie Erasmus negqiza lakhe bacacisile ukuba kungani uJesse Kriel eza kuhlala enguKapteni weqela lesizwe lombhoxo emdlalweni ozayo nakubeni ekhona uSiya Kolisi oyinkokeli.

Amabhokobhoko aza kuswantsulisana neNew Zealand emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship obalulekileyo kwibala ekithiwa yiEden Park, eAuckland, ngentsimbi yethoba kusasa ngoMgqibelo. Ngumdlalo weenkunzi zodwa embhoxweni wehlabathi ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bamazwe omabini.

Emdlalweni obuphakathi koMzantsi Afrika neAustralia kutshanje eKapa, kwaye kwakhokela uKriel emva kokonzakala kukaKolisi. Ekubuyeni kwakhe, umqeqeshi uthe uza kumdlali kwenye indawo.

"Asifunanga ukumdlalisa ngokungxama uSiya emva kokonzakala kwakhe. UJesse nguKapteni ngoba sasitshilo ukuye ukuba uza kukhokela kuba uSiya ebesonzakele. Sibone kufanelekile ukugcina izinto ngendlela ebesesithethe ngayo ke. Ngumdlali okwaziyo ukuthetha nosompempe, oyinkokeli futhi olifaneleyo ithuba ngoba ungumzekelo omhle," utshilo uRassie.

UKriel ngomnye wabadlali abaziintsika zeqela lesizwe. "Yimini enkulu kuJesse ngoba uza kukhokela okokuqala sidlala neNew Zealand. Siyaziqhenya ngaye uJesse futhi siqinisekile ukuba uza kuwenza kakuhle umsebenzi awunikiweyo," utshilo umqeqeshi.

Amabhokobhoko aza kudibana neNew Zealand isenomsindo wokubethwa eFrance - apho uMzantsi Afrika wabuya uziintshatsheli kwitumente yehlabathi emva kokubetha yona.