Amabhokobhoko aphakamise indebe emva kokubetha iAustralia emdlalweni obuseKapa.
Image: Ayanda Ndamane Independent Media
Xa kudibana amazwe amabini asemazantsi ehlabathi emidlalweni yombhoxo kusoloko kuqhum'uthuli. Le nto yenziwa bubunganga azakhele bona la mazwe embhoxweni ukusukela kwiminyaka eyadlulayo.
Phakathi konyaka ka1994 noka2025, embhoxweni kugqhame uMzantsi Afrika neNew Zealand. Ngethamsanqa, uMzantsi Afrika uthathe indebe yehlabathi kwiNew Zealand izihlandlo ezibini zonke.
Kweyokugqibela itumente, uMzantsi Afrika ubuye nendebe okwesine ukusukela ngo94 emva kokuba ubethe iNew Zealand. Amabhokobhoko alungiselela ukudibana neNew Zealand emdlalweni weCastle Lager Rugby Challenge ekulindeleke utake iintlantsi ngentsasa (09:00) yangoMgqibelo.
La mazwe mabini agqibele ukudibana ngo2023 emdlalweni wokugqibela wetumente yehlabathi eFrance - apho uMzantsi Afrika wabuya uziintshatsheli emva kokuphumelela ngo'12-11. Ngokuqinisekile, iNew Zealand idibana noMzantsi Afrika isenawo umsindo ngoba yabethwa ziintshaba zayo ezinkulu emdlalweni obalulekileyo kakhulu.
URassie Erasmus ukuchaze ukudibana neNew Zealand njengento ekhethekileyo kakhulu. Amabhokobhoko alungiselela ukudibana nelona lizwe elinamandla embhoxweni eWellington Regional Stadium.
"Yinto enzima ukudibana neNew Zealand kowayo. Yona iEden Park iza kwenza amaqela omabini afune ukuphumelela ngoba yindawo enembali etyebileyo. Ngumdlalo obakhuthazayo abadlali ngoba ukhethekile futhi uphakathi kwamazwe aphuzulu kumanqwanqwa ehlabathi emdlalweni wombhoxo," utshilo uErasmus ekuqaleni kwale veki.
"Yiveki enzima kuwo omabini amaqela ngoba kunyanzelekile adlalele ukuphumelela umdlalo. Nakwiveki ezayo siza kuba kwimeko efanayo ngoba omabini amazwe aza kube edlala egxeleshe indebe yeCastle Lager Rugby Championship.
"Ningalibali ukuba iNew Zealand yafumana ikhadi elibomvu thina sanikwa amakhadi atyheli emdlalweni wetumente yehlabathi. Yinto enkulu kakhulu kuthi ukufumana ithuba lokudalela kwindawo esiya kuyo," utshilo uRassie.
Amabhokobhoko aya emdlalweni ekhuthazekile emva kokubetha iAustralia emdlalweni obuseKapa kwinyanga ephelileyo.