UJose Riveiro ugxothiwe njengomqeqeshi weAl Ahly emva kokubethwa kwayo emdlalweni wayizolo.
Image: Facebook
Uphelile umtshato phakathi kukaJose Riveiro neqela laseYiphutha. Emva kokubethwa kweAl Ahly ngamagowuli amabini eqandeni yiPyramid FC izolo, ukhonjwe emnyango uJose Riveiro namhlanje. Ukuhamba kwakhe akothusanga ngoba bekusoloko kukho ukumbomba okuvakeleyo emva kokungaqhubi kakuhle kweAl Ahly emidlalweni egqithileyo.
URiveiro ushiye iPirates kwiinyanga ezidlulileyo waya eYiphutha - apho afike walungiselela iFifa Club World Cup. Wathathwa emva kokuphakamisa iindebe ezintlanu kwiPirates eminyakeni emibini enesiqingatha. Kulindeleke ukuba axoze omnye umphini uRiveiro kwelinye ilizwe emva kokugxothwa kwakhe.