Ezemidlalo

USipho Chaine wenze adume ngazo kwaphumelela iPirates!

Pedro Mapelo|Published

IPirates ibethe iMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 obubanjelwe eLucas Moripe Stadium namhlanje.

Image: Orlando Pirates

Zichontsiza igazi iintliziyo zabalandeli beMamelodi Sundowns emva kokubethelwa ekhaya namhlanje. Oku kwenzeke emva kokuba iSundowns ibethwe yi'Orlando Pirates ngo'4-1 kwiipenela emdlalweni weMTN8 obutshisa bhe eLucas Moripe Stadium ngale njikalanga.

Umdlalo uphele amaqela ebambene ngegowuli elinye macala, kwanyanzeleka ukuba usompempe awase kwiipenela ukuze kubekho eliphumelelayo. USipho Chaine ugoduka eliqhawe lomzi omnyama emva kokuvala iipenela ezintathu zonke zabadlali beSundowns.

Emva kokubambana ngegowuli elinye naseSoweto kwiveki ephelileyo, nakulo wanamhlanje umdlalo bekulindeleke umdlalo otshisayo. Ngokwenene kube njalo, asukelene zisuka kwisigaba sokuqala. Emzuzwini wesibini, uDeon Hotto uphose ithuba lokubeka iPirates phambili - kodwa imoyisile ibhola ephambi kukaRonwen Williams.

Ibuye ngamandla iSundowns isebenzisa isantya esiphezulu. Ubhakuzelise umnatha u-Iqraam Rayners emzuzwini weshumi elinesithandathu emva kokuba abadlali bePirates bebhutyuze ibhola endaweni embi. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ibethwa ngumoya phezulu.

Uxinizelelo belusebadlalini bePirates ngoba iSundowns yafumana igowuli emdlalweni weMTN8 wokuqala. Emva kwesigaba sokuqala somdlalo esidlalwe ngesantya esiphezulu ngamaqela omabini, isiqingatha sesibini besinomahluko.

Sehlile isantya - kodwa khange iyeke iPirates ukuzama igowuli. Umqeqeshi wePirates ukhuphe uPatrick Maswanganyi wafaka umdlali wasemva kuba ebefuna ukuhlasela ngoKamogelo Sebelebele. Isebenzile lo nto ngoba iwenzile umahluko.

Emizuzwini yokugqibela, uSebelebele ubhakuzelise umnatha kwakhona atsho alingana amaqela ebhodini. Igowuli lakhe liwathumele kwipenela amaqela omabini emva kokungakwazi ukufumana amagowuli kwakhona. Iphumelele iPirates ngo'4-1 kwiipenela yaphuma kanjalo iSundowns ebiqale yakhokela emdlalweni.