USteve Barker uthi iStellenbosch iza kudlalela ukuya phambili kwiMTN8 xa idibana neSekhukhune United emdlalweni osePolokwane ngorhatya.
Image: Itumeleng English
USteve Barker uthembise ngelithi iStellenbosch FC ngeke idelele emdlalweni wesibini kuba ihamba phambili. Iqela laseNtshona Koloni lidibana neSekhukhune United emdlalweni weMTN8 Cup ongorhatya namhlanje eNew Peter Mokaba Stadium.
Oku kuza kwenzeka emva kokuba iStellenbosch ibethe iSekhukhune ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni wokuqala eDanie Craven Stadium kwiveki ephelileyo. UBarker unethemba lokugqibezela umsebenzi ukuze iStellenbosch ikwazi ukuya kumdlalo wokugqibela njengakunyaka ophelileyo.
Noxa iSekhukhune idlalela kowayo - kodwa ayikwazi ukubetha iStellenbosch, imbali itsho. Nangona kunjalo, uBarker uthe ngeke avume abadlali bakhe bayekelele umxakatho ngoba ibhola ekhatywayo inamanyala. "Siya emdlalweni sichwayitile. Emva kokudlala umdlalo wokugqibela kunyaka ophelile, nakulo sifuna ukuya kwakhona," utshilo uBarker ethetha neentatheli.
Kungenzeka oko ngoba iqela ekunyanzelekileyo ukuba liphumelele yiSekhukhune. Kodwa ke kufuneka igqibe umdlalo wanamhlanje iStellenbosch ukuze kwenzeke le nto iyifunayo. "Umdlalo waokuqala uhambe kakuhle. Besithe sifuna amagowuli - kodwa angafakwa kuthi.
"Ndicinga ukuba sidlale kakuhle ekhaya - kodwa sazi kakuhle ukuba sisephakathi endimeni. Sidibana neSekhukhune edlala kakuhle kwiBetway Premiership futhi efuna ukuya phambili. Mkhulu umsebenzi ophambi kwethu. Sizimisele ukuzivuza emva komsebenzi esiwenze emdlalweni wokuqala.
"Siza kuzama ukulwela ukufumana indawo emdlalweni wokugqibela. Umsebenzi awukagqitywa, ngoko ke asikwazi ukudelela kuba sihamba phambili. Imizuzu yokuqala emdlalweni ibaluleke kakhulu ngoba baza kulwela ukufumana igwouli," utshilo uBarker.