iStellenbosch FC ibambene neSekhukhune United ngo'1-1 emdlalweni weMTN8 obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium namhlanje.
Image: Stellenbosch FC
Emva kwemidlalo eqhubeke namhlanje, ade acaca amaqela aza kudibana emdlalweni wokugqibela. Oku kwenzeke emva kokuba iStellenbosch FC idlulele phambili nakubeni ibambene neSekhukhune United ngegowuli elinye emdlalweni weMTN8 obungorhatya namhlanje ePeter Mokaba Stadium.
Iqela laseNtshona Koloni lidlulele phambili ngoba layibetha iSekhukhune emdlalweni wokuqala ngamagowuli amabini eqandeni eDanie Craven Stadium kwiveki ephelileyo. Ngelishwa layo iBabina Nako, indlela yayo iphelile.
Ukuphumelela kwayo iStellenbosch kuthetha ukuthi iza kudibana ne'Orlando Pirates emdlalweni wokugqibela weMTN8 ekungecaci ukuba uza kubanjelwa phi. Komnye umdlalo obusemini, iPirates yoyise iMamelodi Sundowns ngo'4-1 kwiipenela.
Umdlalo uphele amaqela omabini ebambene ngegowuli elinye macala eLucas Moripe Stadium ebigcwele abalandeli bebhola ekhatywayo. Amaqela adlale umdlalo wokugqibela kunyaka ophelileyo aza kuphinda nakulo unyaka noxa kungekho mntu owaziyo ukuba iyozala nkomoni.
Umdlalo wokugqibela uza kunika umdla kakhulu ngoba kudibana amaqela azondanayo. Ngaphezulu koko, uSteve Barker uthi iStellenbosch iza kulwela ukuphakamisa indebe yeMTN8 okokuqala kulo nyaka.
Kanti kwelinye icala, iPirates iza kulwela ukubhala imbali entsha ngokuba liqela lokuqala elithathe iMTN8 izihlandlo ezine zilandelelana. Umqeqeshi ofikayo, uAbdeslam Ouaddou, uza kulwela ukwenza imbali kwiPirates ngokufanayo noJose Riveiro owafika engaziwa nganto - kodwa wahamba eneendebe ezintlanu egameni lakhe.