Ezemidlalo

IPirates ikulungele ukudibana neDowns emdlalweni weMTN8

Pedro Mapelo|Published

uAbdeslam Ouaddou uthi i'Orlando Pirates ikulungele ukudibana neMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 namhlanje emalanga.

Image: Itumeleng English

UMzantsi Afrika uza kuma ngxi emalanga namhlanje xa kudibana amaqela amakhulu emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu. Oku kuza kwenzeka xa iMamelodi Sundowns isamkela i'Orlando Pirates emdlalweni omkhulu weMTN8 oza kube useLucas Moripe Stadium.

Kunyanzelekile kubekho iqela eliphumelelayo emdlalweni wesibini eliza kudibana neSekhukhune United okanye iStellenbosch FC. Emdlalweni wokuqala otake iintlantsi seSoweto kwiveki ephelileyo, iPirates ibambene neSundowns ngegowuli elinye.

Loo nto ithetha ukuthi yiPirates ekunyanzelekileyo iphumelele umdlalo ngoba iSundowns ingadlulela phambili nokuba umdlalo uphele kungekho gowuli ebhodini ngenxa eyegowuli eyalifumana emdlalweni wokuqala.

uAbdeslam Ouaddou ubaqinisekisile abalandeli ukuba iPirates ikulungele ukulwela ukuphumelela. Impumelelo ibaluleke kakhulu kwiPirates ngoba iziintshatsheli ezikhuselayo. Naye umqeqeshi uya kwiSundowns ukuzithemba kufunqukile emva kokuba iPirates iqhuba kakuhle emdlalweni wokuqala weMTN8.

Kwathi chatha kodwa emva kokubetha iStellenbosch FC ngo'1-0 emdlalweni weBetway Premiership obuphakathi evekini. "Silindele imini enkulu kwakhona xa kudibana amaqela amakhulu e'Afrika. Ndicinga ukuba omabini amaqela awudlale kakuhle umdlalo wokuqala," itshilo indedeba yaseMorocco ithetha neentatheli kule veki.

"Siya emdlalweni sinenjongo futhi siwulungele umdlalo. Ngoba umdlalo ayingowethu, silindele umdlalo onzima kakhulu. Kunyanzelekile siyikhusele indebe ngoba ibiphunyelelwe sithi. Amakhwenkwe ukulungele ukuya edabini," utshilo uAbdeslam nangona enabadlali abonzakeleyo nje.

Umqeqeshi uvuyile emva kokuba iPirates ikwazile ukuphumelela umdlalo wayo wokuqala kule sizini. Ngoku unethemba lokuba iza kuwisa iSundowns kowayo azokwazi ukufumana ithuba lokuzenzela eyakhe imbali njengomqeqeshi omtsha.

Indlela yakhe uAbdeslam iza kuba nzima ngoba ungene ezihlangwini zikaJose Riveiro ohambe eneendebe ezintlanu phantsi kwegama lakhe. Nangona iSundowns inengxaki yabadlali abaqhankqalazela ukuhamba - kodwa wona umdlalo uza kuba semgangathweni ophezulu.