Ezemidlalo

Iza kunyuka umnqantsa iSekhukhune United emdlalweni weMTN8 wesibini

Pedro Mapelo|Published

uEric Tinkler uvumile ukuba iSekhukhune United iza kusokola xa idibana neStellenbosch FC emdlalweni weMTN8 ngempelaveki.

Image: Itumeleng English/Independent Media

Amaqela amane aza kulwela ukuya emdlalweni wokugqibela weMTN8 ngempelaveki. Phakathi kwaloo maqela kukho iSekhukhune United ekunyanzelekileyo ukuba iphumelele ukuze idlulele phambili.

Uvumile uEric Tinkler ukuba iza kusokola iSekhukhune United xa idibana neStellenbosch FC emdlalweni weMTN8 oza kube useNew Peter Mokaba Stadium ngentsimbi yesithandathu ngoRhatya langoMgqibelo.

Iqela likaTinkler liya emdlalweni linetyala emva kokubethwa ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni wokuqala eDanie Craven Stadium kwiveki ephelileyo. Ngaphandle kwamathandabuzo, iStellenbosch inethuba elihle lokuya phambili ngoba inento esesandleni.

Akululanga ukudlala nayo ngoba iyakwazi idlala kakuhle emva futhi iyingozi naxa isiya phambili ebaleni. "Sijongene nomsebenzi onzima kakhulu phambi kwethu. Akululanga ukugqobhoza kwiStellenbosch ngoba ilushica. Ndiyibukele kakuhle ngoku ibidlala nePirates phakathi evekini. Iqinile emva, idlala umdlalo obambeneyo futhi iyinkathazo kakhulu xa ihlasela," uvumile uTinkler ethetha neentatheli kule veki.

Kodwa nayo iSekhukhune United iya emdlalweni weMTN8 ikhuthazekile emva kokuba ingombe i'Orbit College ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obusekuqaleni kwale veki.

Okubalulekile kwiSekhukhune kukulungisa iimpazamo izame ukulwela ukucutha umsantsa. "Sizibhaqa sisengxingweni ngenxa yokuphiswa kwethu ngamagowuli amabini - kodwa ke xa sidlalela ekhaya kubalulekile ukuzilungisa ezo mpazamo. Siya emdlalweni sinethemba lokufumana iziphumo ezibhetele.

"Bekubhetele ukudlala ne'Orbit College kuneStellenbosch. Kufuneka sidlale ngendlela esiqhube ngayo phakathi evekini - kodwa siwunyuse umgangatho. Emdlalweni ezayo kufuneka silwele ukufumana amagowuli.

"Yonke lo nto kufuneka siyenze silumkile ngoba ingasiqubula isiwise iStellenbosch. Iingqondo kufuneka zibe semdlalweni ngokupheleleyo xa udlala neStellies. Ukuba singafumana igowuli kwangoko emdlalweni kungakuhle ngoba iStellenbosch ingadlala iphantsi koxinizelelo," utshilo uTinkler.